Umsasazi woMhlobo Wenene ukhupha ingoma!

Umsasazi woMhlobo Wenene FM uBulelani Koyo unengoma entsha UMFANEKISO : UTHUNYELWE

UMSASAZI wenkqubo yeeKwayala kuMhlobo Wenene FM, okwayiyo nemvumi, uBulelani Koyo, ubuya nengoma entsha ethi ‘Azange Wavuma’. UKoyo waziwa kakhulu ngomculo weeKwayala nangeGospile.

Le ngoma yakhe intsha yeyegospile, kodwa ingelulo uhlobo lwegospile aqhele ukulicula (traditional), iyigospile epholileyo (contemporary).

Le nzalelwane yaseBhofolo eMpuma Koloni yaduma ngeengoma ezifana noLizalise, Zonk’ izono, Thula Moya Wam neyakutsha nje ethi Covid-19 Prayer.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki , uKoyo udize ukuba isingqi sakhe kule ngoma sitshintshile.

“Andifuni kuzivalela kuhlobo olunye lomculo okanye isingqi esinye nanjengoko sixhomekeke kumyalezo esifuna ukuwudlulisa eluntwini,” kutsho uKoyo.

Uthi le ngoma ifuna ifikelele kwabo bebekade bengabonelwa ntweni ngenxa yezinto ezininzi abahlangabezana nazo ebomini.

“ Ukwenza kwam le ngoma bendicinga ngabantu nezinto ezibehlelayo, hayi ngam.

Abantu bagqitha kwiimeko ezininzi ezinzima kodwa uThixo khange avume ngabo, khange batshintshwe zimeko ezo,” kubalisa lo msasazi.

Uthi abantu bebequbisana neCovid-19 kodwa khange uThixo avume ngabo.

“ Ixesha elininzi ndiye ndicule amaculo aziwayo ecawa, kodwa le ngoma ndiyibhale ngokwam kuba bendifuna ukubhala umyalezo osuka kum entliziyweni njengoko ndenzile kuThula Moya Wam nakwiCovid-19 Prayer.”

UKoyo uthi uzalelwe kumculo weekwayala. Ukhuphe amacwecwe amabini ohlobo lomculo weekwayala, wasebenza neekwayala eziliqela phambi kokuba aziqeqeshe.

Uye kamva wakhupha amacwecwe amabini eGospile, elithi ‘Enkosi Jehova’ nelithi ‘Somandla.’

Uphumelele imbasa yeBest Traditional Gospel Album kumawonga weINGOMA, waze watyunjwa amatyeli amabini kwiCrown Gospel Awards.

UKoyo usebenza neprodyusa yakhe uSiyabonga Hlekani we-Eternity Studios eQonce ukuvelisa umculo wakhe.

Uzingomba isifuba ngomsebenzi owenziwa nguHlekani kuzo zonke iingoma zakhe.

“Ayifuni kulungiswa xa ingonakalanga, sele sinobudlelwane obukhulu mna naye, ngumhlobo aphinde abe ngumntakwethu,” uqhayisa atsho.

Ingoma yakhe sele ikhona kwiivenkile zonxibelelwano lweintanethi.