Kungenzeka ntoni bethu xa abazali bebengayeka ukubuza, ukuthundeza, okanye ukuncedisa abantwana ngomsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya?
Mhlawumbi abafundisi-ntsapho bebengabona owona mgangatho womsebenzi wabafundi. Mhlawumbi abazali bona bebenokutsho bayeke ukuba neencoko ezingabhadlanga njengenye endikhe ndanayo nomnye umfundisi-ntsapho xa bendiphawula ngomehluko phakathi komsebenzi wesikolo obhalelwe ekhaya nalowo ubhalelwe esikolweni.
Lo mfundisi-ntsapho ukholelwa kwinto yokokuba xa bebhalela ekhaya abafundi babanexesha lokuqwalasela ukusulungeka kolwimi, ukungqinelana kwezivakalizi, kunye nokulandelelana kwezimvo. Uthi kungeso sizathu umsebenzi obhalelwe ekhaya ukholisa ukusulungeka kunalowo ubhalelwe eklasini. Ndizamile ukumcacisela okokuba oko wayekubona yayingumsebenzi wabazali okanye abancedisi babantwana, kodwa walandula kwema nganye.
Oku ngaboni ngaso linye kukwaqaqambisa uhlobo abazali abazibandakanya ngalo ebomini babantwana, kuquka ukuncedisa kumsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya. Ingaba bayona ngaphezulu kokokuba belungisa? Umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya wona usenokukhuthazwa? Xa ndinokuthatha imeko yaphaya ekhaya ndingabeka ndenjenje, abantwana basekhaya uLizalise noZiyabukwa baseyilentanga ihamba isikolo.
Phambili phaya bendibenzela yonke into. Kodwa kuthe ekuhambeni kwexesha bafunda ukuzenzela okuthile nokuthile ngaphandle koncedo lwam. Ulapho kanye undoqo womgaqo wokukhula kum: Ukuba abantwana bayakwazi ukuzenzela into,andinakuphinda ndibenzele. Kwakhona, abantwana basekhaya ngamanye amaxesha banxiba iimpahla ezingaqondakaliyo baphathe izikhaftina ezinokutya okungaqondakaliyo nokokuba kuyahluthisa na.
Ngokunjalo bakhe bagqithise umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya ongacokisiswanga. Oko kungakhangeleka njengesenzo sokungakhathali, kodwa mna xa ndijongile, ndibona inkqubela ekufundeni kwabo. Leyo nkqubo kukhangeleka isebenza kubo bonke abantwana kuba bobabini aba basekhaya bafunde ukukhetha ukufumana amanqaku angcono nezilungiso ezimbalwa emsebenzini wesikolo owenzelwa ekhaya, ngoko bobabini bawenza ngocoselelo yaye kwangethuba.
Esinye isizathu kukuba thina badala sinowethu umsebenzi ekufuneka siwenzile phambi kokuba kulalwe, ngoko ke sagqiba kwantlandlolo okokuba asizukubahlafunela umthamo ngokusoloko sibenzisa umsebenzi wesikolo. Owethu umsebenzi thina badala kukuqinisekisa okokuba banazo izinto zokuzoba nokuzobela, ezokubhala nokubhalela, batyile, bafudumele, nezinye kokubancedisa xa besenza umsebenzi wesikolo.
Oko kukwaquka izinto ezimnandi, izinto zokubhala eziloliweyo, nokungaphazanyiswa. Ewe kona ndiyayiphendula imibuzo engephi malunga nohlobo amabalulandele ukuze baqhubeke de bawugqibe umsebenzi lowo, njengoko kulindelekile. Ngaphaya koko, okuhle, okubi, nokugxekekayo kumsebenzi lowo kuphakathi kwabo nabafundisi-ntsapho babo.
Okunye ebendingangenelela nako ngumqobo ekubeni umfundisi-ntsapho abone apho abantwana bemi khona ngokokwazi umsebenzi wesikolo, kunye nalapho iklasi ikhoyo nezifundo xa iyonke. Ungenelelo lwam lusenokuba loluhlakulela ukungenzisisiswa komsebenzi nokungazithembi phakathi kwethu sobabini. Ngokokubona kwam, xa abafundisi-ntsapho bale mihla benikeza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, khona kumabanga aphakamileyo, kufuneka sizibuze okokuba eneneni ngumsebenzi kabani ophuhliswayo novavanywayo?
Umzekelo, umzali ongusokhemesti kusengenzeka abenolwazi lokuncedisa umntwana ngomsebenzi ongezifundo zekhemestri ngohlobo apha abantu abaninzi abangenakukwazi ngalo. Okanye, nokokuba lowo mzali akakwazi ukuncedisa kumsebenz wesikolo ngenxa yokuxakeka zezinye, usenganakho ukuqesha umntu onokuncedisa endaweni yakhe. Kwezo meko zombini lowo mfundi unenyhweba ngenxa yamathuba anawo angavulelekanga kubantwana abaninzi.
Le nyhweba iza ngenxa yokukwazi komzali ukuhlawulela amathuba angaphaya kwamagxa omfundi. Ngoko ke ukunikezwa komsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, okulindelekileyo ngawo, nokuvavanywa kwawo, kuthi kube zizinto ezichaphazela ukufuma kwamakhaya ngohlobo esingenakulucuntsa xa sithelekisa ubume bemeko.
Kwi seminar yam kutsha nje nabafundi base UNISA ndikhe ndachaphazela uhlobo apho inani elivisayo labafundi abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo elifolela imisebenzi esisingxungxo (efana nokugcina abantwana, ukucheba ingca, ukusebenza kumashishini athengisa ukutya) ngeenjongo zokuhlangabezana neemfuno zeentsapho zabo. Uninzi lwaba bafundi lukukhuthalele ukufunda yaye lunomdla wokuzuza amanqaku ancumisayo ezifundweni zalo. Uninzi lwaba bafundi lunenjongo zokuqhubeka de luphumelele imfundo enomsila. Nangona kunjalo, luyasokola ukwenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya ukuphuma kwesikolo nangempelaveki, xa sukuba lusebenza iiyure ezinde. Kufuneka sijongisise iindlela umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya othi uqhubekisele phambili ukungalingani. Abafundisi-ntsapho kunye nabasemagunyeni kwezemfundo kufuneka bayithathele ingqalelo into yokokuba asingabo bonke abafundi abanabantu kunye neentsiba ezingabancedisa
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!