Emva kokubona umsantsa phakathi kolutsha olusemaphandleni kwanoshishino, imvumi yomculo wokholo nekwasebenza njengomsasazi nakwi-ofisi yeentengiso kwisikhululo iVukani FM eCala uPatrick Msengana usungule iqumrhu lezonxebelelwano kwanokuququzelela imisitho.
IMafu Communications and Events igqiba iminyaka emibini yasungulwayo, kwaye kwiinyanga nje ezimbalwa ezidlulileyo ibingundaba mlonyeni emva kokuvela kuka Pat kwisikhululo sikamabonakude sezenkolo iDumisa TV.
Eli qumrhu lijongene nokukhuthaza ulutsha, ukupapashwa kweemvumi kwanokusingatha kuquka ukuququzelela imisitho kwisithili iChris Hani.
“Ndaqaphela ukuba ulutsha olusemaphandleni alazi kwanto ngezoshishino, kwaye eli qumrhu linika ithuba lokuba nabani athengise imveliso yakhe ngendlela efikelelekayo.Sikwamenywa nazizikolo ezikule ngingqi ukuze sibambe iiWorkshops nabafundi,” utshilo uMsengana.
UPatrick usandula kufumana isiqinisekiso solawulo kwicandelo losasazo kwidyunivesithi iRhodes ekwayinxalenye yabantu abahlohlwe ngabakwa SEDA kwicandelo le Bookkeeping.
“Ishishini liqhuba kakuhle kodwa lisaqhwalela kwicala lezixhobo ezaneleyo zokupapasha amanye amashishini kuba ixesha elininzi kuye kunyanzeleke ndibhatale ezinye iinkampani ukwenza eminye imisebenzi efunwa kwishishini lethu nto leyo ebangela imali isoloko isiya ngaphandle,”
Ukuqhagamshelana neMafu Communications and Events ungaya kwikhasi likaPatrick Msengana kuFacebook okanye kumnxeba ongu: 073 084 8747.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup