UMshoza ubulela abalandeli bakhe ngengoma entsha

Imvumi yeKwaito uMshoza

Imvumi yeKwaito uMshoza ubuyile kwakhona nanjengoko ingoma yakhe entsha ethi ‘Abantu Bam’ ichongwe kumawonga eMetro FM, kwaye ifumana ukudlalwa kakhulu kuYou Tube.

UMshoza ogama lakhe lokwenene linguNomasonto Maswanganyi, ebekhe wathi cwaka emculweni ixeshana.

Yiminyaka ilishumi elinesibhozo ecula ikwaito uMshoza. Ingoma yakhe (single) ethi ‘Abantu Bam’ uyikhuphe ekupheleni konyaka ophelileyo.

Ingoma kaMshoza ichongwe kwibakala leBest Kwaito kwiMetro FM Music Awards.

UMshoza uthi, oku kuthetha lukhulu kuye.

“Bendingekhe ndichongwe ngaphandle kwabantu bam. Ibengabalandeli abathembekileyo ebebesoloko bekhona kukubi kukuhle ebomini bam.

“Indlela yokubonisa umbulelo wam kubo ibeyile ngoma ethi Abantu Bam,” utshilo uMshoza.

Uthi, ukuba uyiphumelele le mbasa izakuba yeyoluntu kuba esithi, ukuba ebengafumenanga nkxaso kubo ngengekho kule ndawo akuyo..

UMshoza uthi unalo ithemba lokuba uzakuyiphumelela le mbasa kuba kuphela kwakhe ongowasetyhini ochongwe kweli bakala.

UMshoza uzibiza ukuba uyikumkanikazi yomculo weKwaito.

Ukuvotela uMshoza ukuze aphumelele le mbasa ungenza ngolu hlobo: Best Kwaito, Abantu Bam ucofe *120*1512*14#.