Umsinga obandayo eMpuma Koloni

KULINDELEKE ukuba iMpuma Koloni igutyungelwe ngumsinga ongxamileyo obandayo
ozakuba nokhatshwa zintsizane zemvula engephi, ukusukela ngoMvulo umhla
wamashumi amabini kulenyanga.

Le mozulu kulindeleke ukuba iwathobe ngamandla amaqondo obushushu kwiindawo
ezakufikelela kuzo lemvula. Othetha egameni lezanuse zeZulu eMpuma Koloni
uGarth Sampson uthi likhona nekhephu elilindelekileyo ngenxa yalemeko.

“Likhona ikhephu elizayo kodwa lincinci kakhulu kuba liphaya kumyinge
wesentimitha ezimbini kuphela,lizakubonakala ngamandla kwindawo ezikufutshane
nentaba Zokhahlamba (Drakensberg).”

 Ingingqi yaseSneerburg eGraaf Reniet naseWinterberg zizakuchaphazeleka
ngamandla ngenxa yemvula kwanamaqabaza ekhephu ingakumbi kwintaba
eziphakamileyo. Ikhephu eliwe kwidolophu ezifana neMount Fletcher lilobe
abatyeleli ukuba babuyele kuladolophu nendawo ezingqongileyo.

Ingxelo yalomasipala ithi ukuwa kwekhephu nokuba lingakanani kuza
nentsikelelo kubo. Amagosa emozulu athi lomsinga uzakubonakala ukusukela
ngorhatya ngeCawa.