UMsinga weSithathu ephondweni kwanosuleleko labagonyiweyo

IPHONDO leMpuma Koloni liza kube likuMsinga weSithathu (Third Wave) wolosuleleko lweCovid-19 kwezi veki zimbini zizayo ukuba akukho tshintsho kwinani eliphezulu lolosuleleko lwabantu yile ntsholongwane.

Noxa kunjalo, yona ingingqi yaseNelson Mandela Bay sele idizwe njengeyona ngingqi esele ikuMsinga weSithathu wololuseleleko lweCovid-19.

Oku kuthethwe nguMphathiswa wezeMpilo ephondweni, uNomakhosazana Meth, eMthatha kule veki ngethuba ebebambe inkomfa noonondaba.

“Iyaxhalabisa iNelson Mandela Bay, kuba nangexesha loMsinga wokuQala noweSibini, yayiyiyo eyayiphala phambili. Iinzululwazi zifumanise ukuba intlalubela yeDelta eNelson Mandela Bay naseSarah Baartman.

“Le ntlalubela yeDelta iyaxhalabisa kuba ibangela ukuba abantu baye ezibhedlele,” utshilo uMeth.

UMphathiswa uNomakhosazana Meth kwinkqubo yogonyo kwaRhino Cash and Carry eMthatha ngoLwesibini UMFANEKISO: FACEBOOK

UMeth uthi bakwafumene iingxelo zokuba amagosa abo ezempilo eNelson Mandela Bay ayosoluleleka yiCovid-19 nangona nje sele egonyile. “Okuhle kukuba nangona nje esosuleleka, ubani xa egonyile akade asiwe esibhedlele okanye asweleke ngenxa yale ntsholongwane”.

Ukuqinisa inkqubo yogonyo, uMeth uthi iphondo lineziza ezingama-774 ukuqinisekisa abantu abaselungelweni bayagonywa. “Siyabavumela abantu abaselungelweni ukuba bangqawuze baye kumaziko ogonyo, kodwa bayazi ukuba abona baza kuthatyathelwa ingqalelo ngabo babhalisileyo,” utshilo uMeth.

Kwiphulo lokugonya abantu abangama-30 000 ngosuku ephondweni, uMeth uthi baseke intsebenziswano nequmrhu iSASSA kwanenkampani uClicks kuquka neevenkile uRhino, Boxer noShoprite – ukuze kugonywe abantu abatyelela la maziko ngeenjongo zokuya kufumana imali yendodla.

NgoLwesibini iphondo besele ligonye abantu abangama-386 605. Injongo kukugonya abantu abakwizigidi ezine nangaphaya ukuze iphondo lifikelele kwinkcochoyi yengqiniseko yokuba uninzi lwephondo lugonyile.

UMeth ukwabhengeze ukuba abantu abaneminyaka engamashumi amane nangaphaya baza kuqala ukubhalisela ugonyo kwinyanga ezayo.