UMswati uthi kukho ulawulo lwesininzi eSwazini

IKumkani yesizwe samaSwati uMswati wesiThathu wenza amacebo ukuguqula indlela alawula ngayo isizwe ekekelela ngakulawulo lesininzi.

Ecacisa isicwangciso sakhe kumalungu epalamente yeSADC, uMswati uthi ulawulo lesininzi luthetha ukuba kufuneka evumele abantu bakhe ukuba bonyule abantu abazakuba yinxalenye yebhodi yekomkhulu.

“Oku kuthetha ukuba abantu bazakuzityumbela abantu abafuna ukuba basebenze kwibhunga lakomkhulu,” uthethe watsho uMswati.

Ngelizama ukuphikisa imbono zabaninzi zokuba ulawula ngegqudu uMswati wamisela into awaye wayibiza ngokuba lulawulo lesininzi lekomkhulu. Lo kaMswati wenze le ntetho ngethuba ebethetha namalungu ombutho wamazwe akumazantsi eAfrika iSADC eSwazini.

Ngamazwe alishumi elinesihlanu akumazantsi eAfrika athe akutyelelo kweliya laseSwazini kwindibano yalo mbutho. “Kwabo bakholelwa ukuba ulawulo lesininzi lona lunokwenza ukuba amazwe aphumelele kuphuhliso, apha eSwazini

Inkqubo yopolitiko yaseSwazini ibalwa njengenye yenkqubo ezingakhululekanga kwihlabathi ngumbutho iFreedom House. Umbutho iAmnesty International usoloko ugxeka ngokumandla indlela acinezelwa ngayo amalungelo abantu nawamajelo eendaba kwela lizwe.

Ukungavumi kwela lizwe ukuthobela umthetho olawula imicimbi yezabasebenzi kumbutho wezizwe ezimanyeneyo namalungelo oluntu kwabangela ingxaki.

Amazwe afana neMelika abuphelisa ubulungu belizwe laseSwazini kwiAfrica Growth and Opportunity Act (AGOA) ngonyaka ka 2014 ngesityholo sokunyhasha amalungelo abantu.

Eli nyathelo leMelika labangela ukuba kuvalwe imizi mveliso emininzi kweliya lase- Swazini, abantu balahlekelwa yimisebenzi. Umbutho wamazwe akumazantsi weAfrika abambe indibano yawo kweli laseSwazini.

Imeko yezopolitiko yaseSwazini kunye namalungelo oluntu awakhange axoxwe kwimicimbi ethe yaxoxwa kule ntlanganiso. Amalungu alo mbutho ebekwaxoxa umcimbi wokuba kweziwe kubelityala ukusasazwa kwesifo ugawulayo ngabo sele bosulelwe sesi sifo. Ngamalungu akumashumi asibhozo epalamente yamazwe aseAfrika (SADC) athe abelana ngeqonga noMswati.

Ngokomgaqo siseko welizwe laseSwazini ulawulo lela lizwe lihleli lonke emagxeni eKumkani, kwaye imnika amagunya phezu kwepalamente kunye neenkundla zomgaqo siseko.