Umthamo weemoto koohola bethu

Ngamagosa ezendlela akumashumi asixhenxe anesihlanu ekulindeleke ukuba agalelwe kwiindlela zeli ukusukela namhlanje nanjengoko uzakukhula umthamo weenqwelo mafutha kohola bendlela abaphambili. Kona kubalulekile ukunyuswa kwenani lamagosa ezindleleni, kodwa okona kubaluleke kakhulu kukufundiswa kwabaqhubi benqwelo mafutha ezindleleni ngokubaluleka kokhuseleko labo.

La malungiselelo enziwa minyaka le ngurhulumente weli ebambisene nee-arhente eziphambili kwezendlela kodwa okusisimanga kukuba amanani abantu ababhubha kwiindlela zeli awehli koko ayenyuka. Kungani kungena kupheliswa ukuhanjwa kwemigama emide ngamaxesha athile ezindleleni. Umzekelo abaqhubi bafundiswe ukuba ebusuku uvumeleke ukuba aqhube iiyure ezithile, ngapha kwezo yure angaphindi avunyelwe ukuba aqhube. Okanye kuphungulwe inani leenqwelo mafutha ezibaleka kwindlela zelizwe, ngokuthi ezo zithwala abantu zipheliswe kuhambe ezo zithwala imithwalo kuphela. Oku kungenzeka ngokuthi kwandiswe inani leenqwelo moya zelizwe, zihambise abantu kule migama bayihambayo ibangela ezi ngozi zendlela.

Ongeziwe okanye engongezwanga amagosa endlela, abantu bazakuqhuba besele utywala, bazakuqhuba ngesantya abasaziyo ukuba asamnkelekanga, bazakulayisha imithwalo egqithisileyo. Xa kunokukhangelwa isisombululo sexesha elide kule ngxaki zingaphunguka ingozi zendlela kweli kusindiswe imiphefumlo ebhubha ezindleleni. Amagosa awakwazi ukubakho kuyo yonke indawo, imigama emide ehanjwa zezi nqwelo zihamba ixesha elide zingaboni magosa, iingxaki zenzeka kanye ngala maxesha, okanye kwezi ndawo angafumaneki kuzo amagosa.

Le nto yonke ithetha ukuba apha kufuneka isisombululo esingangxamanga, kodwa esisakuza nempendulo yexesha elide. Zinqwelo ezinje ngeteksi nebhasi eziye zibulale bantu ngamanani amakhulu,ewe nezo zabanikazi babucala nazo ziyayenza ingxaki kodwa kambalwa. Mazipheliswe ezi teksi endleleni, nebhasi ezithwala imithwalo egqithisileyo, makwenziwe kungabikho mthethweni ukuhamba ngazo. Makuthunyelwe abantu kwinqwelo maya ngamaxabiso afikelelekayo.