UMthatha uqaqambise iphondo kumawonga eLilizela

UNwabisa Sodo ethatha iwonga leLilizela kuMphathiswa uKubayi-Ngubane, ePitoli ngoMgqibelo Umfanekiso: Isolezwe lesiXhosa

Xa ucinga ngedama laseMthatha uye ube nomfanekisongqondweni wabantu begcakamele ilanga phantsi kwemithi ejonge eli dama.

Bambi bahlala kwiimoto zabo, babuke ubuhle beli dama. Abanye ke bade baqubhe kulo, abanye balobe. Lidama elagrunjwa pha ngo1977, lisuka kumlambo waseMthatha. Iinjongo?

Ukunkinkishela idolophu yaseMthatha ngamanzi. Ngumgama nje ongangeekhilomitha ezilishumi elinesihlanu ube sele ufikile kulo xa usuka kwidolophu yaseMthatha.

Xa ungena kwisango leli dama uye ufumanise ukuba kukho neebhodi ezikukhomba kwiLuchaba Nature Reserve kwakunye nakwiMthatha Dam Resort.

Ngo2015, usomashishini ongutat’ uVena wavula iMthatha Dam Resort ngokusesikweni. Kulo nyaka le ndawo ithiwe jize ngewonga leLilizela lokuba yeyona ndawo inkqenkqeza phambili kwiindawo zokuqhuba imicimbi efana nemitshato, amatheko neenkomfa kuluhlu lwe4-Star kuMzantsi Afrika jikelele.

Sithethe noNwabisa Sodo, ongumanejala weli dama, nothe: “Enye yezinto eyenze le ndawo iphumelele ngulo mbono mhle uwubona phandle wedama kwakunye nezilwanyana ezingqonge esi sakhiwo sethu.”

Uninzi lwabantu abasebenzisa iinkonzo zeMthatha Dam Resort ngabahlali baseMthatha nabo bazalelwe eMthatha bayokuhlala koomaRhawuti:

“Abantu baye bothuke xa bebona indawo enje eMthatha. Sinayo into ethi abantu abasiboni kwaye siyazama ukufaka iibhodi ezineenkcukacha zethu kulo Mthatha.”

Isakhiwo esi sinamagumbi amabini eenkomfa; elokuqala lihlalisa abantu abangama250, elesibini lingenise abali150. Kukwakho nendawo yokutyela ehlalisa abantu abangama60. Bayakwazi nokongeza iintente phandle xa umcimbi umkhulu mpela. Amaxabiso ashiyana ngokweemfuno zabo bafuna ukuyisebenzisa kwaye nabani na angazibuzela ngoWhatsapp 081 350 0257.

Kulo nyaka uzayo idama lilonke liza kwandiswa ngeendawo zokuhlala, ukoja inyama nokubamba imidlalo edlalelwa emanzini.

“Sesinazo kanti iindawo zokulala ngoku apha, sisakha kwaye amaxabiso aqala kwiwaka elinekhulu leerandi igumbi ngalinye. Sinazo neendawo zokoja phaya phandle ezisibhozo. Sakubiyela nala ndawo ipha ekuqaleni apho abantu bahlala khona ukuze bakwazi ukungena, bakhuseleke kwiyadi yethu.”

KweyoMsintsi eli dama liye laqala lanikwa ingqwalasela kwiphondo leMpuma Koloni laze ngoMgqibelo lo sisuka kuwo lavunywa njengeyona “Events Venue” iphala phambili eMzantsi Afrika. USodo uthethe wenjenje ngeli wonga:

“Eli wonga lithetha lukhulu kuthi, siwongwe kuluhlu lwe4-Star, nto ethetha ukuba kufuneka sixhome umgangatho. Thina sinombulelo kakhulu ngeli wonga. Lithetha ukuba kwicandelo lezokhenketho siyabonakala ngoku. Baninzi abantu abashishina kwezokhenketho abangawaziyo nala mawonga eLilizela Tourism Awards kodwa kudala eqhuba.”

UMphathiswa wezoKhenketho kweli, uMmamoloko Kubayi-Ngubane, naye uvakalise inkxalabo ngokungaboni iindawo ezininzi zabantsundu kula mawonga.

“Inguqu ngokohlanga kwimpatho yezi ndawo zabakhenkethi yinto esihlala siyikhuthaza. Ewe, bakhona abakuthi abanazo iindawo zokuhlala nokonwabisa abantu kodwa ababhalisi phantsi kweTourism Grading Council; sifuna nabo babhalise, banikwe imiqathango nathi sikwazi ukubaxhasa,” kutsho uKubayi-Ngubane, eSun Arena, ePitoli nalapho bekubanjelwe khona la mawonga eLilizela.

“Kulo nyaka siwonge abantu abangama68 abashishina kumacandelo ezokhenketho. Lo nto ibonakalisa ukuba liyonyuka inani labantu abangenelayo,” uqhube watsho.

UMthatha awuphelelanga kwiwonga ledama kuphela; neMayfair Hotel enamagumbi angama92, inikwe iwonga lokuba yeyona hotele incinci ephala phambili kuMzantsi Afrika.

Le hotele ephantsi kwamashishini kaSisa Ngebulana ivulwe kweyeThupha 2017 eMthatha, kwaye sele iyenye yeendawo zikanokutsho kwabathanda izinto zodidi.

IMpuma Koloni ayiphelelanga kuMthatha kuphela kula mawonga; nePanarama Guest House eseQonce ithathe iwonga le-3-Star kwiindawo zokulalisa abantu.

NeHaga Haga Hotel & Self Catering Canabas, epha kwinto engange60km xa usuka eMonti, izibambele iwonga leyona ndawo inkqenkqeza phambili kuluhlu lwe-3-Star kwiindawo zokuhlala oziphekelayo kuzo.

Iinkcukacha ezithe vetshe ngamanye amawonga eLilizela athe anikezelwa kroba kwikhasi lomnatha leSA Tourism ku: www.southafrica.net/gl/en/trade/lilizela

isibhalo@inl.co.za