UMthatha uzakuba yiMetro ngo-2022

Oscar Mabuyane

Iqela elijongene nophuhliso lwamashishini olutsha, iProgressive Youth in Business, isebenzisana nonobhala weANC kwiphondo onguOscar Mabuyane, ithabathele kuyo uxanduva lokuphuhlisa uluntu lweli phondo ngokujongana ngqo nemiceli-mngeni abajongana nayo oosomashishini abatsha.

Eli qumru nelikhokelwa nguBuhle Tonise, libizele oosomashishini kwingxoxo engophuhliso lwabatsha ingakumbi abantsundu. Esathula intetho kulo msitho okaTonise uthe, “Urhulumente makayeke ukunkintsizisa abantu abatsha abacela inkxaso ngenxa yokungaziwa kobuso. Abaniki-zinkonzo baphelelwe ngumdla ekusebenzeni norhulumente ngenxa yokungabhatalwa ngexesha ngomsebenzi omhle abawenzayo.”

Uthe wathumela unobhala ukuba athathe zonke iingxoxo ezithethwe kulo msitho nezikhalo zoosomashishini azise kundlunkulu aze abuye nempendulo. Wongeze ngelithi, “Nobhala ungahambi udlala endleleni, silinde impendulo.”

Unobhala wephondo uOscar Mabuyane, nobesisithethi sembeko, ukhankanye imiba ebalulekileyo equka ukurhuqa iinyawo kolutsha xa kufikelelwa kwimiba yokuziqalela amashishini. Ukhale ngelithi, abantu beli phondo baphuhla kade ngokwasengqondweni. Wongeze ngelithi, “Ncedani nithathe umzekelo kuHector Peterson owabalitsha-ntliziyo engekakhweli nakumashumi amathathu eminyaka. Kwangaphakathi kwalo mbutho ulawulayo kukho ukurhuqwa konyawo kwimiba equka iRadical Economic Tranformation eyaphunyezwa ngonyaka ka2012. Oku kwenziwa kukubotshwa kwezidiniweyo, ziikhona ezisemandleni.”

Inkitha yezikhalazo ezibekwe ngoosomashishini bezijikeleza kumba wokunikwa kwabantu abasuka kooRhawutini imisebenzi yokwakhiwa kweendlela ezizezethu. Bakhale ngelithi, alikazukuphuhla eli phondo kusaqhutyekekwa ngomkhwa wokufaka abantu abangenamfundo ezikhundleni eziphezulu koomasipala.

OkaMabuyane uthe bazakusebenza ekuqinisekiseni ukuba ukulungiswa koohola bendlela uN2 noR61 baxhamlisa abantu beli phondo.

“Sizakuwuphelisa tu lo mkhwa wokuba abantu banyanzeliswe ukuba bathethe ngento xa befuna imisebenzi. Abantu bethu bazakuyeka ukuwa neenqwelo besiya eKapa apho bazokuhlala ematyotyombeni, imisebenzi izokubazela.”

Kuvezwe umba wokuba ngonyaka ka-2022 idolophu yaseMthatha izokuba yiMetro, kwaye kuzakuxhamla abantu namashishini ngokusesikweni kule ntshukumo.