Umthengi uxambulisene nevenkile efuna imali yeteksi

ITrifle engundileyo ethe yaqala le ngxwabangxwaba Umfanekiso: Uthunyelwe

Indoda yaseScenery Park eMonti yehlisene isonyusana nomanejala wakwaSpar eAmalinda emva kokungavisisani ngemali efanele ukuyibuyekezwa kulandela ukuthenga iTrifle (ikeyiki edibene neziqhamo kwakunye neCustard) esele iphelelwe lixesha kule venkile.

UZolisa Ntoba ebefuna imali engange-R20, yokusuka nokubuya eScenery Park, kwakunye ne-R25 nanjengoko belinjalo ixabiso lale Trifle.

UNtoba uthi uthenge le Trifle ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoKwindla, akayiqaphela ukuba iphelelwe lixesha.

“Impazamo endiyenzileyo kukuba ndiyiqaphele sele ndifikile endlini le Trifle, zange ndiyiqaphele ndisayithatha kuba ivenkile le ndiyithembile, andizange ndicinge ukuba ingakwazi ukuthengisa ukutya okuphelelweyo ebantwini,” utshilo uNtoba.

Uthi ufumanise ukuba le Trifle iphelelwe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe. “Mna ndiyijikise ngomhla wamashumi amabini anesithoba, emva kokuyithenga ngomhla wamashumi amabini anesibhozo,” kutsho uNtoba.

“Ndibaxelele ukuba ndisuka eScenery Park, ngoko ke ndifuna imali yeteksi naleyo yexabiso leTrifle ephelelweyo. Abavumanga ukundinika le mali yeteksi besithi bazakundinika i-R25 kuphela. Ndibaxelele ukuba andiyifuni loo R25,” kutsho uNtoba.

Uthi into emenza abe nomsindo yile yokuba le venkile ithengise iTrifle ephelelweyo. UNtoba uyibike kwisebe lezempilo le nyewe, nalapho igosa leli sebe liye lahamba naye ngethuba ejikisa le Trifle.

Umanejala wale venkile ongavumanga kuzichaza ngegama uthi uyasazi isehlo sikaNtoba.

“Okokuqala ufike apha engaphethanga siqinisekiso sokuthenga. Ndiye ndaxolisa kuye ndambuza ukuba ufuna imveliso (Trifle) entsha okanye imali yakhe. Uthe ufuna nemali yeteksi ndamxelela ukuba andikwazi ukumnika imali yeteksi,” utshilo lo manejala.