UMongameli uCyril Ramaphosa utyikitye uMthetho-sihlomelo wokuLawulwa koMbane ukuba ube ngumthetho, kodwa njengoMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho yeMfundo esiSiseko (Bela), ushiye ngaphandle amacandelo amabini – iinkcazelo zokurhweba okanye ukuhanjiswa kombane (reticulation) kunye neenkqubo zokusasazwa kwamandla (distribution power systems).
URamaphosa uye wandisa ukuphunyezwa kwamagatya amabini oMthetho weBela abalulekileyo aphathelele kumsebenzi weebhodi ezilawula izikolo ngeenyanga ezintathu ukuze kuvunyelwe iingxoxo ezithe kratya, ingakumbi nabantu abathetha isiBhulu.
URamaphosa ubhengeze ukuba lo Mthetho [wombane] uza kuqala ukusebenza ngomhla wokuqala kweyoMqungu 2025.
Amacandelo amabini ekuza kuxoxwa ngawo kuMthetho woMbane aya kuphunyezwa emva kwexesha eliya kubhengezwa nguMongameli ngesibhengezo esiphuma kwiGazethi kaRhulumente.
“Ngokwecandelo lama33 loMthetho-sihlomelo wokuLawulwa koMbane, ka2024 (uMthetho onguNombolo 38 ka2024), ndibeka umhla wokuqala kweyoMqungu ka2025 njengomhla lo Mthetho ukhankanyiweyo oya kuqala ngawo ukusebenza, ngaphandle kwamacandelo amabini – iinkcazelo zokurhweba okanye ukuhanjiswa kombane (reticulation) kunye neenkqubo zokusasazwa kwamandla (distribution power systems) kwicandelo 1 lalo Mthetho, iinkcazelo ezo ziya kuqala ukusebenza ngomhla oya kumiselwa nguMongameli ngesibhengezo kwiGazethi kaRhulumente,” sitshilo isaziso.
Olunye utshintsho oluqaphelekayo kwicandelo lezamandla eMzantsi Afrika yimithetho yombane.
Zibonwa njengenyathelo elibalulekileyo ekuncediseni utshintsho lwamandla kweli lizwe kunye nokuseka imeko-bume enokhuphiswano olulinganayo phakathi kukaEskom nabavelisi bamandla abazimeleyo.
INdlu yoWiso-mthetho yamkele le migaqo kweyoKwindla kulo nyaka u2024, waza uMongameli wayityikitya ukuba ibe ngumthetho kweyeThupha.
Lo Mthetho ufuna ukubonelela ngeqonga lemarike elivulelekileyo eliza kwenza ukuba ukuthengwa nokuthengiswa kombane kwihoseyile okanye kwivenkile kukhuphisane.
Ikwabonelela ngokusebenza kwemarike njengendlela entsha enokuthi inikwe ilayisenisi nguMlawuli wezaMandla eMzantsi Afrika (NERSA).
Kwenye yeengxelo zakhe zakutsha nje, uRamaphosa uthe iNERSA ingathathela ingqalelo izinto ezifana nokhuseleko lobonelelo, ukwahluka kobonelelo kunye nokukhuthazwa kwamandla ahlaziyekayo.
“Lo Mthetho wahlula phakathi kweentlawulo ekufuneka zimiselwe okanye zivunywe nguMlawuli [NERSA], ezifana neentlawulo zenethiwekhi, kunye nezo ziphantsi kwesivumelwano sobonelelo ngokuthe ngqo okanye ezivela njengesiphumo sokhuphiswano lwemarike,” utshilo uRamaphosa ngelo xesha.
“Ukuqinisekisa umgangatho olinganayo wokhuphiswano phakathi kweejenereyitha zombane ezininzi, uMthetho ubonelela ukuba umboneleli wenkqubo akayi kucalula phakathi kweejenereyitha ezahlukeneyo okanye abathengi ngokunxulumene nokuthunyelwa okanye ukulungelelanisa inkqubo, ngaphandle kwezizathu ezithethelelekayo nezinokuchongwa ezivunywe nguMlawuli [NERSA].”
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!