Umthi wamaMfengu utsala inkitha yabakhenkethi

Umthi woMqwashu usatsala abakhenkethi nanamhla okuUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

OMNYE wemithi eyakhe yamidala apha eMpuma Koloni uMqwashu (Milkwood) kwilali iMqwashini eNgqushwa, utsala abakhenkethi kangangokuba ayipheli iveki kungezanga bakhenkethi bangaphandle kuwo.

Lo mthi woMqwashu ngumthi apho kwafikela kuwo abakhenkethi abaMbo, abakwaziwa njengegama lamaMfengu.

Kukulo mthi apho amaMfengu afika enza isifungo esithi ayakuba zizicaka zikaThixo, bekwenza oko phambi koMfundisi wasemaNgesini uJohn Ayliff ngethuba lokufika kwabo.

Kufuphi nalo mthi, esi sifungo sibhalwe olu hlobo: “Ngomhla we-14 kuCanzibe 1835 abaMbo bakuba bengenile eKoloni bevela phesheya kweNciba, bahlangana phantsi kwalo Mqwashu baza phambi koMfundisi uJohn Ayliff bavakalisa intobeko yabo kuThixo noKumkani.”

Umelathisi kubakhenkethi waseNgqushwa, uZanemali Bani, uthi ayipheli iveki kungekho qela labantu elifuna ukubona lo mthi. “Kutshanje bekufike abantwana besikolo saseBhofolo befuna ukubona uMqwashu.

Kutshanje bekufike abakhenkethi abasuka kwiphondo laseMpumalanga, nabo befuna ukubona lo mthi woMqwashu,” utsho uBani.

Indawo enoMqwashu ibiyelwe ukuphawula ngenene ukuba lo mthi ukwisiza selifa lelizwe. Akucaci ncakasana ukuba ngowanini lo mthi, kodwa uBani uthi efika nje amaMfengu ngo1835 wawusele umi gomololo uMqwashu.