Umthungi uqhumise impepho kumboniso wefashoni

Abayili beempahla babonise ngeempahla zabo kumboniso wefashoni eHemingways eMonti imifanekiso: BHEKI RADEBE

IbinguQHAKRA menye eHemingways eMonti ngethuba abathungi beempahla zefashoni bephondo leMpuma Koloni bebonisa ngempahla zabo zefashoni nabazithunga ngokwabo.

UPhindile Makupula we7Bob Aggressive, oyinzalelwane yaseMdantsane, ubehlukile kwabanye ngohlobo athe wangena ngalo eqongeni ngokuthi aqhumise impepho, emva koko zangena iimpahla zakhe azithungileyo neziqheleke ukubonwa zinxitywe ngabantu abanobizo lobugqirha.

Uthi oluya ibe luhlobo azibonakalisa ngalo nazazisa ngalo ukuba ungubani.

“Ukuvula kwam ngempepho luhlobo endizazisa ngalo kubantu abadala naseluntwini kuba luhlobo endiluphilayo, yinxalenye yam inkolo yobugqirha. Ngokuveza ezi mpahla kwimiboniso enje kukuzama ukuveza ukuba ubugqirha bufikela nabani na, akukhethi bani. Oku ndikuzisa ngefashoni ndikwafuna noluntu ukuba luyihloniphe nenkolo yabantu kuba abazikhetheli,” utshilo uPhindile.

UPhindile udize ukuba wancama umsebenzi wakhe wemihla ngemihla walandela isakhono sakhe sokuthunga.

“Kodwa ngenxa yexesha lam endilichitha ekuthungeni kuba ndikuthanda ndagqiba ukuba ndiyeke kumsebenzi endandikuwo kwaye andizisoli.”

Xa unomdla wokuthungelwa okanye ubone iimpahla zakhe njengoko engathungi ezamagqirha kuphela, ungamtyelela kuFacebook wakhe. Lo mboniso weempahla zefashoni uqhube iintsuku ezimbini zilandelelana eHemingways nosele ukunyaka wawo wesihlanu uqhuba.

Umsunguli walo mboniso uSiyanda Nela noyinzalelwane yaseBhisho, uthi kuyamvuyisa ukubona ukhula ngokukhula lo msitho ubanjwa minyaka le.

Uthi wasuswa kukubona abantu abaninzi abaziyo abafundela ukuthunga babe beneempahla ezintle kodwa bangabinalo ithuba lokubonisa ngazo.

“Icandelo lokuthunga apha ephondweni alihoyekanga njengaseGoli okanye eKapa.

Kwaye alikhuli, ibatheze amandla loo nto kanti ngoku umntu uza kuthunga esemdleni kuba eyazi iimpahla zakhe zikwithuba lokubonwa luluntu. Injongo yayikukuba ndikhulise abathungi.”

Xa ufuna ukuba ngomnye wabathungi ababonisa ngeempahla zabo kulo mboniso utyelela kwikhasi likaSiya ufumane iinkcukacha ngohlobo onokuthi ungenele ngalo.

Uthi kulo nyaka umahluko ube khona kwaye uluntu ngoku luyawubonisa umdla kwifashoni.