Umthwalo kumntwan’ontsundu!

Ndithe ndihleli kwigumbi lam lokusebenzela, xa kanye ndilungiselela izifundo zam zosuku olulandelayo, phofu ndikwahlaziya nezo zangenjikalanga, kuba kaloku asinto intle into yokuba ititshala iye kwigumbi lokufundela ingaqinisekanga ngoko iza kukucacisela abafundi bayo, ndeva ngelizwi litsolile lisithi, “asiboyiki, asiboyiki, mfundo yasimahla, mfundo yasimahla, siyayifuna, asijiki, asibuyi ngamva.”

Ngoko nangoko ndiphakamile kweso situlo bendihleli kuso, ndakroba ngefestile, ndaqaphela inginginya yabafundi isombela, ixhentsa, kuphakanyiselwe phezulu amanqindi, kuqhuma uthuli.

Ndisajonge leyo, yatsho ingoma kwanga kuyaduduma, suka izakhiwo ezi zanga ziyashukuma, igwijo lomanyano lwabafundi lisithi, “asinavalo, asinavalo, sisebenza kanzima.”

Kungekudala, elo gwijo langena liphuma kumagumbi okufundisela, kukhutshwa abo bafundi bangabakhi-mkhanyo abangookhwel’ecingweni abakholose ngokungazibandakanyi kwidabi labanye abafundi, nangona nabo beza kuxhamla xa idabi lisiza nempumelelo.

Inene umthwalo iya kuhlala ingowomntwana ontsundu, ngoku sisithi sikhululekile kwaye eli lilizwe ledemokhrasi, ukutsho ukuthi, lilizwe elilawulwa ngentando yesininzi nomakulinganwe.

Bathe abantwana xa bekhupha abo basafundayo ngeli lixa bona bezabalaza, bezabalazela imfundo yasimahla, ukutshintshwa kwendlela uNSFAS anika ngayo abafundi imali, kwanokufumaneka kweendawo zokuhlala zabafundi abanamakhaya athe qelele neyunivesithi, kwaqhawuka oojingi abantwana bedlala.

Bambi kubantwana basemzini balikhuphe latsola elithi badikiwe bona kukuchithelwa ixesha ngabo bazabalazayo. Sikhutshiwe nathi ke kumagumbi ethu okusebenzela ukuze sikhethe ukuxuma abafundi okanye sisuke sicezele nje kude sigoduke.

Bambi kuthi basondele kubafundi kuba kaloku nathi sinabantwana abaseza kufunda kula maziko emfundo enomsila, kwaye nathi singancedakala ukuba isithembiso semfundo yasimahla singaphunyezwa.

Nathi singabahlohli sibonisene nabafundi ngalo mba baxambulisana ngawo, sicenga abo basemzini ngelithi, edabini, ingakumbi kwidabi elisekwe phantsi kwemigomo emihle kwaneenjongo ezakhayo, kubalulekile ukuba phakathi kwabo bengabafundi, kugqube umanyano, kungabikho abatsalela kwelinye icala, babe abanye besiya kwelinye.

Sikwakugxininisile kubafundi, ngokubona ukuba batsha ziintambo kwaye babalekelwa ligazi, ukuba ukonakalisa izakhiwo, izixhobo kwanoovimba bamaziko asinto ikhuthazekayo, kuba xa idabi liphunyeziwe, zonke ezi zinto zezo baza kuzidinga ukuze imfundo iqhubeke ngaphandle kwamagingxi-gingxi.

Kuko konke ke oku, baqhubekekile abantwana abantsundu nokulivala iziko, kuquka namanye amaziko, kodwa kuphawuleka ukuba ubukhulu becala, ngabantwana abantsundu abachaphazelekayo koku kulwelwa kwemfundo engahlawulelwayo okanye ukutshintshwa kwenkqubo elandelwa nguNSFAS, nanjengoko abafundi beyibona ibabekela bucala abanye abafundi nangona nabo behlelelekile.

Ukuba ujonga kuninzi lwamaziko ebebandakanyeka kuqhankqalazo lwakutsha nje, kuquka neli ndixelenga kulo, ubuye uphawule ukuba yonke imigushuzo yoqhankqalazo ibikhokelwa ngamaqhawe namaqhawekazi abafundi abantsundu, bengekho okanye bembalwa abasemzini. Xa uyitolika uyihlalutya ke le nto inokuba ithetha ukuthini?

Olwam uvakalelo luthi, intsokolo isagxile apha kumzi ontsundu. Kweli lizwe, abona bantwana bafumana ubunzima bokuba nemali noovimba bokufikelela kwimfundo enomsila ngaba bethu bantsundu. Inokuba bethu amanye amazwe ayiphumezayo imfundo engahlawulelwayo enza njani?

Amazwe afana neHolland; Germany; Norway namanye amaninzi. Singayanga kude, inokuba bethu ezaa nkulumbuso zangaphambili zazilawula ngenkqubo yala rhulumente wengcinezelo, iinkulumbuso ezazifana nooLL Sebe; KD Matanzima noLucas Mangophe zazisenza njani ukuze abafundi abasuka kwiCiskei yangaphambili; iTranskei yangaphambili neBophuthatswane yangaphambili bahlawulelwe ngurhulumente wabo imali yemfundo enomsila nokuba bafunda kweliphi na iziko?

UMuammar Gaddafi ukwazile ukuyiphumeza imfundo engahlawulelwayo ngabantwana baseLibya esaphila, wenza njalo noThomas Sankara kwelaseBurkina Faso, ukanti uMualimu Julius Nyerere kwanoJomo Kenyatta nabo benjenjalo, hayi phesheya kolwandle, apha kweli zwekazi lethu le-Afrika.

Iya kuthi ukuze izinze imfundo yeli lizwe ngokubanzi, kuthunyelwe igqiza liye kuphanda ukuba amanye amazwe ayiphumeze njani na into enemfundo engahlawulelwayo kwaye ajongene njani na nezi meko bakhala ngazo abafundi boMzantsi Afrika!