Umthwalo weembotyi zeli eTshayina

Ezona mbotyi zinezondlo iSoya.

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMzantsi Afrika uThoko Didiza ubhiyozele umthwalo wokuqala weembotyi zohlobo leSoya ezithunyelwe kwilizwe laseTshayina.

Olu luhlobo lembotyi exabiso liphezulu, isebenza kwizinto ezahlukeneyo ngenxa yezakhamzimba eziqulethwe yile mbotyi. “Ngumthwalo wethu wokuqala ezimbalini ukuba siwuthumele kwilizwe laseTshayina lo, siyavuya, siyagcoloda kuba ezi ziziphumo zomsebenzi onzima,” kutsho uDidiza.

Lo mthwalo uphume kweli ngenqanawa kwizibukho laseThekwini ukusinga kwilizwe laseTshayina, kwaye yingeniso emandla kumafama avelisa oluhlobo le mbotyi.

“Kwisithuba nje seenyanga ezilishumi elinesibini ezigqithileyo sityikitye isivumelwano sentsebenziswano ngoku kodwa ngokuthengiselana oluhlobo le mbotyi nelizwe laseTshayina,” kucacisa uDidiza.

Ukuphuma kwalo mthwalo kweli usinge eTshayina ngenene luphawu lomsebenzi wokudala amaqhina esebenziswano phakathi kweli namazwe ehlabathi, itsho ingxelo yelaSebe.

“Oku kwahambisa ngesicwangciso sethu sezolimo sokuba iimveliso zethu zithengiswe kumazwe ehlabathi ngeenjongo zokukhulisa imeko yezoqoqosho yoMzantsi Afrika,” kutsho uDidiza.

Ingxelo ithi ilizwe laseTshayina lihamba phambili kwihlabathi ngokuthenga nokusebenzisa iimbotyi zohlobo leSoya. Ezi mbotyi zisetyenziswa ngamandla xa kuveliswa ukutya kweenkukhu nezinye izilwanyana zasefama.

Ukunyuka kwexabiso lezimbotyi kuko okwenza ukuba libe phezulu ixabiso lokutya kweenkukhu.

“Kulindeleke ukuba ilizwe laseTshayina lithenge oluhlobo lembotyi ngamandla kumazwe ehlabathi, kwaye sithi abahamba phambili kuluhlu le ndawo ethenga kuzo,” uhambisa atsho uDidiza.

Ukuthengisa kwiimalike zehlabathi ezifana neTshayina kuthetha ukuba ngenene zizakukhula ezolimo kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Ngaphandle kokuthengisa kumazwe afana neTshayina sisebenzisana nemibutho yalapha ekhaya eyenza ukuba kubelula ukungena kwiimalike zehlabathi, imibutho efana neSouth African Cereals and Oilseeds Trade Association yeminye yayo,” kucacisa uDidiza.

Uthi baneenjongo zokugqobhoza bethengisa iimveliso zamafama weli kumazwe afana neJiphethe neIndoneshiya. “Oku kwenza ukuba amafama wethu akwazi ukwamnkela iimali ezisuka kwamanye amazwe, atsho ngenxa yoko akhule ukuze enze igalelo kwimeko yezimali yelizwe lethu,” uhambisa atsho uDidiza.

UDidiza uthi elithuba lizakukhulisa imeko yezimali yeendawo zasemaphandle eMzantsi Afrika kuba amafama amaninzi asebenza kumaphandle welizwe.

“Ukukhula kwamafama kukhulisa imeko yezimali kutsho kuvuleke amathuba emisebenzi emininzi, batsho baphile abantu,” utsho uDidiza.

Ngoko myinge womhlaba imveliso yezi mbotyi inika isivuno esingaphezulu kwesombona nokuba ilinywe kumhlaba olinganayo.

“Sijonge ukutsala abatyali zimali abazimeleyo ukuze kukhule amafama asaqalayo, zona izivumelwano esizenza namazwe ehlabathi zizala amaduna namathokazi,” utsho uDidiza.

Ilizwe loMzantsi Afrika linamaqhina ozakuzelwano amahle nelizwe laseTshayina.

Imbotyi zohlobo leSoya.