Umtiza Arts Fest uza noyolo eMonti

IzA kube izintsuku ezintathu zonke zolonwabo xa Umtiza Arts Festival ubambe umnyhadala wesine kulo nyaka eGuild Theatre eMonti.

Lo mnyhadala uza kuqala ngomso ze uqosheliswe ngeCawa umhla wesibini kweyeSilimela. Zingapha kwamashumi amabini anesihlanu iinkqubo ngokokuhlukana kwazo eziza kube ziqhutywa kulo msitho.

Umtiza Arts Fest ubambisene neGuild Theatre, Bryant Art Gallery kwakunye neEast London Museum.

Injongo yalo mnyhadala kukunika ithuba amaqhula, abadlali beqonga, abadanisi kwakunye neemvumi zasekuhlaleni iqonga lokubonisa ngetalente yabo kuluntu oluza kube lubukele ngezi ntsuku.

Abanye boosaziwayo abalindelekileyo kulo mnyhadala liqhula uAlfred Adriaan, uDinesh Vallabh neSoweto String Quartet. Ukanti kuzobe kukho nexesha lokuba kungcanyulwe iwayini.

Ukanti nabachwelayo baza kube bebonisa ngomsebenzi wabo logama abanye baza kube bedanisa, bexhentsa.

Umtiza Arts Fest ilungiselele wonke umntu ayinaminyaka itheni. Wena mzali unqwenela ukusa iintsana zakho zamkelekile njengoko kuza kube kukho nemidlalo yeqonga yabantwana eza kube iqhuba.

Enye yeenjongo zawo Umtiza kukuqaqambisa nokuveza italente yoluntu lwaseMonti. Usodolophu weBCMM uXola Pakati unqwenelele uluntu oluza kube lubukele impelaveki entle, esithi uluntu lonwabe kangangoko.

I’solezwe lesiXhosa liphisa ngamatikiti amathathu. Wena mfundi wephepha onomdla wokuba yinxalenye nalo mnyhadala ungalifumana itikiti.