‘Umtshato awungcwabi maphupha kwabo batshatileyo’

 

Ongenele uMrs Universe Africa 2021 uAyanda Ntola (38), waseMbizana, uthi kule ndlela asele eyihambile ukuqala kolu khuphiswano ehamba namanye amakhosikazi anamaphupho okuphuhlisa amanye amakhosikazi njengaye, sele efunde okuninzi.

Uthi uthathe isigqibo sokwenza into eyonwabisa yena njengoko esithi uye wazixelela ukuba u2021 izokuba ngunyaka wakhe wokulanda kwanokulandela amaphupha akhe. Uthi ukholelwa ukuba umtshato awuwangcwabi amaphupho abanawo abo batshatileyo.

UMrs Universe Africa lukhuphiswano olunjongo ikukuphuhlisa kwanokuxhobisa amakhosikazi aseAfrika naphakathi kweminyaka engama20- 50 ngokuzalwa, atshatileyo kuphela. Okunye kukunika ulwazi nokuxhobisa abantwana abancinci ezikolweni ingakumbi abo bangamantombazana.

UNtola uthi ufunde ukuba nabani na unalo iphupha kwaye ethanda angafezeka. Uthi ukwafunde nento yokuba kufuneka uqale uzamkele kwaye uzazi wena kuqala.

“Kufuneka ugcwalise eyakho ikomityi kuqala ukuze ukwazi ukuphokozela omnye, awunokwazi ukuphokoza kwikomityi yakho, ibe neyakho ingekagcwali. Ndikwafunde ukuba abantu abangoomama badalelwe ukuxhasana, ukuba nje banokunikwa ithuba lokwenza oko bangaphuhla,” utshilo uNtola.

La makhosikazi angenele olu khuphiswano lukaMrs Universe Africa angamashumi amathandathu (60) ewonke, belwela ekubeni kushiyeke abangamashumi amabini (20) kuphela. UNtola uthi akukhethwanga bani, utshatile, uhlukene nomyeni, ubhujelwe ngumyeni, umde, unesiqu, uyangenela kwaye kungajongwa nebala, ukuba uphuma eAfrika wamkelekile kolu khuphiswano.

Xa ufuna ukuvotela uNtola, uya kumnatha wonxibelelwano ofana nofacebook, instagram kwakunye notwitter. Ufika ukhangele uMrs Universe Africa 2021, ukhangele igama likaNtola, ucofe kungenjalo uyipapashe nawe. Ukuba uvote kakhulu nawe mfundi uza kubanethuba lokuphumelela imbasa ebizwa ngokuba yiPeople’s Choice.