Umtshato mawubekeke kubo bonke

Konke okuphuma emtshatweni kuchaphazela isizwe sonke. Wonke umntu ulixhoba, le ndawo azalelwe kuyo, kuwo okanye ngaphandle kwawo umtshato.

Xa sele ababini bezimanyile ngeqhina lomtshato mabazi okokuba oko bakwenzela izizukulwana, nezizwe ezizayo emva kwabo.

Emtshatweni kulapho kuphuma abantu abazakuba lulutho okanye ubungozi ekuhlaleni, ngoko ke umtshato mawubekeke kubantu bonke.

Xa uthatha isigqibo sokungena emtshatweni yazi okokuba, isiqhamo saso sizakuchaphazela abaninzi ukuqala kulo uzimanya naye, usapho, abahlali nesizwe sonke ngokubanzi. Nazi iindlela zokwenza umtshato ubekeke.

QINISEKA: Isigqibo somtshato sifuna ugqibe entliziyweni nasengqondweni yakho ukuba ngenene uyamthabatha lo, uyabancama abanye.

Ukuze umtshato ubekeke, mawuhlonitshwe, unikwe isidima sawo ngaba batshatileyo kuqala, bonke abanye abantu bazakuwunika kwa eso sidima. Musa ukutshata ngenxa yoontanga ndini, okanye imeko yethutyana ezakuthi yakutshintsha uzisole ngesi sigqibo .

Tshata kuba ugqibe ngentliziyo yakho yonke ukuze xa kufika iimeko zovavanyo ume, umile.

QWALASELA kule ntsimi uyihlakulayo, ukuze ufumane isivuno esonelisayo. Nabanina othi ebeke izandla kwikhuba lokulima aze aqalaze uyabhanka. Ohlakulela izityalo aze abhekabheke uyazonzakalisa kwangekhuba elo.

Xa sele uzimanyile jongana nomtshato wakho. Nokuba beniqale kakuhle, luyafika ukhula kwaye ludinga umntu wokuluhoya ukuze lungongameli okuhle okutyalwe kule ntsimi yomtshato wenu.

QALA ngesiseko. Umtshato yinto entle, ethandekayo, ebukekayo kubantu bonke. Kubalulekile ke ukuba umiliselwe kwisiseko esiqinileyo esizakumelana neentlobo zonke zemozulu: izikhukhula, imimoya evuthuzayo, iimvula ezinamandla kwaneenyikima. Mawusekelwe ukuze aba babini bahlulwe kukufa kuphela.

Kwangeli lixa kungekatshatwa, impilo yakho yisekele ekumoyikeni, nasekumhloneleni uThixo, uze umtshato wakho wakhelwe kweso siseko.

Qala ngokwazana noThixo phambi kokuba wazane nalo uza- kuzimanya naye.

UThixo uyakuba ngumzinzisi womtshato wenu. Yakhela elulwalweni, idwala elimiyo.

QENGQELA kuYehova zonke izicwangciso zakho “Ukuba akayakhi uYehova indlu, (Indumiso 127 v 1) bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo”.

Xa ungena emtshatweni, unazo iinjongo, imibono, nezicwangciso ongena nazo. Kububulumko ke uba zonke uzinikele esandleni sika- Yehova kuba nguye onamandla okuzenza zibe yimpumelelo.

Imizekeliso 16 v 3. Kaloku thina singabantu, awethu amandla ayaphela, sithi sakujongana neemeko ezingaphezu kwethu, soyiseke. Mbize ke xa ungena emtshatweni, kwaye umbikele zonke izigaba zale ndlela uyihambayo ukuze uhambo lwenu lomtshato lube nempumelelo.

QOKELELA zonke uzichumisi mhlaba. Umtshato owondlekileyo ngotyalwe emhlabeni owondlekileyo, luxanduva lwakho wakutshata ukuba ufune ulwazi oluthe gabalala ngale meko intsha uzifake kuyo.

Akakho umntu othi eqala ukutshata abe enamava omtshato, kodwa bakhona abatshatileyo ngaphambi kwakho, musa ukuvuma ke ukubetheka kwizinto esele umzila wendlela yokuphuma kuzo ukho, isilumko ngumntu oyibuzayo inyathi kwabo baphambili.

Yiba noxanduva lokwenza mnandi kule ndawo ukuyo ingumtshato zonke iintsuku zokuphila kwakho.

QHAMANI nande: Injongo kaThixo ngomtshato kukwandisa okuhle nokulungileyo emhlabeni. Umtshato yindawo yokuphindaphinda.

Abantu batshata bebabini, balizwe ngabantwana nabo balizwe ngababo, kuze kuvele umlibo wohlobo oluthile.

Le mbewu niyiyo yiqondeni kakuhle kuba iza- kuphephetheka igcwale ilizwe, nalapho iqhakaze ithwale isiqhamo. Ekuqhameni masiqiniseke ngexabiso lezinto eziphuma kulo umtshato.

Ndlela ntle ke magorha, akhethileyo ukuluhamba olu hambo lababini emnye.

UNombini”Mamisto” Maqelana mfumane kweli phepha ngoLwesibini nangeCawa kuAlfred Nzo Community Radio. Umnxeba: 0799793192. KuFacebook: Mamisto’s Maqelana