Umtshato ufana nesakhiwo

Xa kutshatwa kufana nokuba kwakhiwa indlwana yokuzalela yokuqandusela izizwe. Ngumthombo ompompozela kumazwe ngamazwe, oseza abadala nabancinane, izilo nezilwanyana, iintaka nemfuyo.

Uyatyhutyha-tyhutyha uthunge iidolophu neelali, unqamleze, uxwese, kuba kaloku umfula useza izizwe.

Ukwanjalo ke nomtshato, kumanywa ababini kuchaphazeleke izizwe.Kubandakanyeka abazali, izizalwane, abahlobo, nabahlali babeyinxalenye yobubudlelwane. lntshukumo nganye eniythabathayo ibachaphazela ngqo aba bantu. Nakuvuya, nakulila, nihluma, niswele.

Kungoko kumelwe uphathwe ngokuzeyisa. Ekulimaleni komtshato ziba ninzi iingxwelerha, kungoko kumele okokuba unxatyiswe.

ISIGQIBO: Qiniseka xa uzimanya ngeqhina lomtshato ukuba sisigqibo osenza usezingqondweni, kuba sizakucaphazela onke amacala obomi bakho: umzimba, umphefumlo, imali, ezokuhlala, nayo yonke into ebizwa ngegama lakho. Ukutshsta kukuzinikela kolu hambo lutsha, nokuzincama. .

Ukuzincama ke kukufunga ungajiki, koko uqubisane nemeko ezo ujongene nazo. Yiba ngumoyisi kuba umtshato ngamnye uyafikelwa luvavanyo, kambe ke uncedwe sisiseko owakhelwe kuso ukuze ungawi. Thatha isigqibo sokwakhela elulwalweni, Mateyu 7 vesi 14.

INGQIQO: Musa ukuzifaka kwiimeko ozakuzisola kamva. Qiqa xa uzakwenza isigqibo, kaloku * “Ewe” okanye * “Hayi” wakho angaba yimbewu eya- kukuzisela wena, nendlu yakho, nesizukulwana sakho, isiqhamo esikrakra, incindi yekhala eya kudyobha umlibo wonke obizwa ngegama lakho.

Hlala usazi okokuba lo ayingomdlalo womntu omnye, liqela elimele usapho lwakho.

QWEBA: Ubulumko, asikuko nokuba udinga amava ukuze uhambe kakuhle, kodwa udinga ukuba usiqaphele isiphelo sento nganye oyiqalayo. Isilumko asijongi imeko yangoku kuphela, sithi singekaqalisi nto siyivelele macala onke, sijonge inzuzo nelahleko kuyo.

Ubulumko bunceda ukuba uzibophelele uluqonda kakuhle uhambo oluthabathayo, kuba kuhambo lomtshato nahlulwa kukufa.

Nayiphi na indlela yokuphuma emtshatweni, ishiya amanxeba anganyangekiyo nanganyangekiyo . Yiba sisilumko ke kwizigqibo zonke ozenzayo. Ubulumko kukucinga ngesiphelo kungekaqaliswa.Bunqanda ukuzisola nokungena kwizimo ekungasayi kuphumeka kuzo.

Ukuzuza ubulumko, zifune iingcebiso kwabaphambili aboyisileyo, funda ngezemitshato, yibakho kwiindibano ezakha imitshato kodwa ngaphezu kwako konke yiba nobuhlobo obuthe nkqi noThixo ngomdibanisi womntu noThixo onoYesu (1Timoti 2 ivesi 3-5), yena uya kukupha uMcebisi, uMoya oyingcwele, oyakuhlala entliziyweni yakho akufundise indlela eyiyo, ethe tye.

UNGQONGWE: Zizinto ezilulutho, nenzuzo kulo mtshato. Mawumiliselwe lo mtshato, kwimijelo yamanzi ankcenkcezayo. kaloku nawo ukhula ngokondliwa. Mazibekho izichumisi, ukuze ubeke isiqhamo nangakumbi.

Lo mayibe ngumtshato woxolelwano, wokuxhasana, wokuthelekelelana, nokubhikica kule ntsimi inye ingulo mlingane wakho kuphela.

Musa ukunqwenela nokungcamla iziqhamo zenye intsimi. Buyingozi kakhulu ubudlelwane bangaphandle komtshato.

Musa ukuba neqabane ngaphandle komtshato, lo nto iyakuba ngumsele oya- kukuzisela zonke iintlobo zobubi nokungendawo. lqabane elingaphandle komtshato litshabalalisa luphele tu uxolo, ubumnandi, ukuthembana nesidima. Namathela kulo umanywe naye.

Ungavumeli neengcinga okanye intliziyo yakho ikulahlekise. Mkkholelwe uThixo okokuba esi sipho akuphe sona sesona sona. Kwabase-Flipi 4vesi 8. UYeremiya 17, ivesi 9

GQWESA: Xa ufika emtshatweni ungena kwityeli lokugqibela logqatso lwakho.Konke okwenzayo kwenze ngamandla akho onke.Zinikele kwiinkonzo zonke zasemtshatweni.

Zonke iingxowa ebezivaliwe mazivulwe, kuphakwe kwimiphako yonke, khumbula okokuba enye yeenjongo eziphambili kukuxhalela ukuba ungathini ukumvuyisa lowo umanywe naye.

Mvuyise ngale ndlela ivuyisa yena, kuthi cosololo kuye. Xa wenze njalo akayi kulaqaza, akayi kubhekabheka, wonamathela kuwe.