Umtsheyiso kaNonzwakazi

Akusazalwa zinzwakazi kule mihla. Phantse wonke obhinqileyo udinga ukuya kuzilungisa, athenge ubunzwakazi evenkileni.

Bayeka abafazi ukuzala, bazikhupha enxele zifune ukusiwa enene. Kambe ke asikuko nokuba abafazi abazali, ziintombi ezeya oonina.

Ndiyabavela abasahiliteka bubunzwakazi nobunene, kuba obale mihla asibobenene bobezandla zomntu. Inzwakazi yanamhlanje itshintsha ukusuka elunweleni ukuya eluzwaneni ekupheleni kosuku.

Akusekho uqaqanjiswa lunwele namashiya nemisebe neenkophe zendalo, nangamehlo angqombo nagqamgqam. Namlanje kuthwalwa iiwigi nemiphotho, iinwele zalukwa ngemitshiso. Amashiya ayachetywa kuqatywe umsizi.

Lowo msizi ke utsalwe uyoma ezintlafunweni maxa wambi, uxakwe ukuba ngumntu onjani ke ngoku lowo unokuba namashiya anjalo. Imisebe yekanodoli; ipetsule ke ibengathi ziimpondo zesinambuzane wakumvela ecaleni umniniwo. Iinkophe ziqatywa umsizi omibala-bala, amehlo afakwe inwebu eluhlaza.

Ziyabaphoxa ke abaninizo ezi nto. Omnye ufika engathi yinto yasemanzini endingayaziyo xa eqabe iinkophe namashiya. Akunethwa okanye abile uyasuka umsizi wamashiya, angabi mbi ke umntu engenamashiya!

Komnye yaphuma ndimjongile inwebu yamehlo, yee ngcu esiqhitsini engayiva. Ndakhawuleza ndamnikela umva ndimshiya ezamana nokubuyisela into yakhe elisweni. Ziyoyikeka kumntu ongaziqhelanga ezi nto.

Eyona mihla yamaqaba yile yanamhlanje. Ziyayiqaba into eziyiqabayo iintokazi zale mihla! Zitsho ngamadaka akude nothuthu olunamagama, izinto eziludla ulusu lusale lumile iinkatshu. Kosomi ubuso bujika bubegwangqa, isale intamo nezandla namanqina zintsundu ufike sele engathi yindoda ebisebenza emalahleni inxibe i-ovalolo ithwel’ inkumpa.

Ogwangqa ubangathi ngumntu wodongwe, abempatshampatsha. Iintokazi ezinemali ziyalongula ulusu kuncanyatheliswe olunye. Okuziimpumlo nemilebe neempundu akusindi kwimela yomtyandi, kuzanyanwa nobu bunzwakazindini. Yimamalatile!

Zayaphi iinzwakazi ezimanzandonga nezimkhitha, ezaziwunyathela umhlaba uvume zingenaxhala? Iintokazi ezazingadingi koniwa, ezazintle zivuka okwelanga liphuma. Namhla kutsalwa nzima ziintokazi. Kunqongophele amehlo okuzibuka, zihamba nangaze ukuzuz’ injezu.

Wumbi wothi ukukhathalelwa kwehombo nobuhle ngamabhinqa asinto yanamhlanje. Wothi kuguqulwe ezemveli kwasetyenziswa ezale mihla, ngako oko akukho nto igwenxa.

Nam ndiyangqina; ndibalisa ummangaliso wenguqu efikele ubunzwakazi nobunene. Kambe ke kwasendulo apho, kweziya zazisembiwa ezinye zikhiwa emithini izinto zokuqaba, zaziqatyelwa ukukhusela ulusu elangeni nokuhomba, hayi ubuhle ekuxhalelwe bona namhlanje.

Ngemihla etshisayo kwakuqatywa ezelanga, ze ngemihla yemijadu kuqatywe ezokuhomba. Kusithiwa singamaqaba nje kuthathelwa kuleyo nto yethu yokuqaba, ndiyayiyeka ke le yokuba uyathukwa umntu xa kusithiwa uliqaba.

Ngamazwi apheleleyo ke umntu wayengaqabi yonke le mihla ngathi ngumkhwetha, de ajike ibala lolusu. Nezinto eziqatywayo zazisahluka ngokwesizathu ekuqatyelwa sona. Namhlanje kuthengwa ubuhle ngaphezu kwehombo. Mkhulu ke umahluko phakathi kobuhle nehombo!

Ukuba unokuze uzibuze ukuba yeyani na ke le nkxamleko ingaka akungephumi nalo. Uninzi lwabantu abakhuthalele ubuhle wofumanisa ukuba ngabantu abathanda iphandle, kumadoda namankazana.

Yimbinana ezenza ntle ze ihlale endlini, ubuhle bufunwa liphandle kaloku. Nqwa nenxila lona lithi lakuhlutha ligxadazelele endleleni. Phandle kulapho imikhuba ifundwa khona, ngomncinci nomdala, yindoda nebhinqa. Njengokuba umkhuba uyinto embi nje uhambisana nabantu abahle.

Isigebenga linene lomfo ongahlalwa mpukane nomntu wezinto zodidi. Intombi yomoya ehentula ilale apho kumnandi khona linenekazi elisiqholo sikutsho uhiliteke nangena kutsiba ngaphaya kwalo amehlo akho engakhange anamathele kulo.

Ubuhle; umkhiwane wayo imikhiwane! Ubuhle; amampunge awo amampunge! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba