UMtyhobile naMadamara

Olu hlobo lwegusha kuthwa ngaMadamara lunqabile kwintlalo yabafuyi beMpuma Koloni ingakumbi kubafuyi abamnyama.

Umfuyi wezi gusha eThornhill ngaseHewu, uMzwakhe Mtyhobile, uthi azinangxaki ezi gusha, kulula ukuzifuya.

“Elokuqala icebo lokuzifuya ngempumelelo kukuzithanda ezi gusha, azidingi kunyangwa kuninzi njengezinye iindidi zeegusha, zizikhulela ngaphandle kwengxaki,” kutsho uMtyhobile.

Kwisithuba seminyaka emine egqithileyo, lo mfuyi watsalwa bubuhle neempawu zokomelela kolu hlobo lweegusha.

“Umfuyi omhlophe owayefuye ezi gusha eKapa, zininzi kakhulu, wayekhala ngokuba zityiwa yingwe kwifama yakhe, wazithengisa zonke, ndazithenga apho ke ndeza nazo apha,” kutsho uMtyhobile.

Kwiingxaki ezininzi ezaziwayo ngabafuyi beegusha, igusha zaMadamara azichithi mali ngokugonywa nokuhlatywa inaliti namayeza amaninzi.

“Into oyinyanga kwezi gusha inye, zintshulube, xa ineentshulube ubona ngelukuluku eliphuma apha entanyeni, ayikho enye into ezikhe zigule yiyo, ziyaziphilela ngaphandle kwengxaki,” kucacisa uMtyhobile.

Uboya obufutshane begusha zaMadamara benza ukuba zikwazi ukuphila kwindawo enengca nemithi ngaxeshanye.

“Ezinye iigusha ziyasokola ukuphila kwindawo ezinemithi kuba zibanjwa ngameva emithi eboyeni, ngenxa yoboya obufutshane zifikelela nakweyiphi indawo edlelweni,” kutsho uMtyhobile.

Kwiphondo laseMntla Ntshona, aMadamara zezona gusha zixhaphakileyo kuba amadlelo anemithi equka umnga, okwenza ukuba iigusha ezinoboya zibambeke zifele phantsi kwemithi ngenxa yokubanjwa ngameva.

“Ziigusha zenyama ezi kuba zikunika inyama esemgangathweni ophezulu kakhulu, inyama yazo ixuba amanqatha nezihlunu ezihle,” kutsho uMtyhobile.

Lo mfuyi uthi akanalo uxanduva lokuthenga amabhali nezinye izondlo zeegusha.

“Iinkunzi zazo zenza umsebenzi wazo wokukhwela ngexesha elifanelekileyo, iimazi zizale amatakane ngexesha lazo. Ekupheleni kobusika ziyabulahla uboya kukhule obunye,” kucacisa uMtyhobile.

Kwiifama ezingamashumi amabini ezimngqongileyo uMtyhobile, kukuphela komfama ofuye olu hlobo lweegusha.

“Kukho uhlobo oluthile lwegusha eliye livele xa ezi gusha zaMadamara zikhwele imazi yezi gusha zesiqhelo, andinayo ngoku loo gusha,” kutsho uMtyhobile.

Uthi olo hlobo lwegusha lizalwa lithwele iimpawu zaMaDamara nezegusha eqhelekileyo.

Isizwe samaHimba esintetho isisiHerero kwilizwe laseNamibia, saziwa ngokuba siso esafunyanwa nolu hlobo lweegusha kwiminyaka yo1600.

Iigusha zaMadamara zingqinwa sisizwe samaHimba ngokuba azidingi ncedo lokunyangwa ngamachiza athengwayo kuba izinyanga ngokutya amayeza endalo.

Indoda eyayityhutyha amazwe ehlabathi eyinzalelwane yelizwe laseSweden, uAnderson, ichaza olu hlobo lwegusha.

“Azinaboya, zinonwele olufutshane olusondele kakhulu apha elufeleni, ziqinile, zimelana neemeko zonke zemozulu,” watsho Anderson.

URoger Lundie waseNew Zealand wenze uphando olunzulu ngolu hlobo lwegusha. “Zinemilenze emide, engenaboya, oko kwenza ukuba zihambe imigama emide, zithwale lo mzimba wazo uhlala wondlekile,” kutsho uLundie.

Igama elithi Damara kuzo lisuka kulwimi lwesiHerero eNamibia, azichetywa boya njengezinye iindidi zeegusha.