‘Umvuzo wam wonyuswa ngeR100 kwiThe Queen!’

UMlamli Mangcala UMFANEKISO : FACEBOOK

OBEDLALA indawo kaSithembiso Radebe kumdlalo oboniswa kwiMzansi Magic – iThe Queen, uMlamli Mangcala, ukhwele ezehlela kubavelisi balo mdlalo ngempathombi.

Kwimbalelwano ethutyelezisiweyo, uMangcala ulibalise lalibi ibali lokusebenza kwakhe phantsi kwabakwaFerguson esithi “bamenze wakubhatalela ukuvela kumabonakude.” 
Ebalisa kule mbalelwano, uthi waphulukana nemoto yakhe, kwaye wayesicicini lokulahlekelwa nangumzi wakhe.
Lo mlingisi, obedlala indima yepolisa kwiThe Queen, ukudiza oku emva kokuxelelwa ukuba indima yakhe iyaphela kulo mdlalo.
“.. ndandisecicini lokuphulukana nendlu yam de ndabe ndisindiswa ngabasebukhweni koko. Kwanyanzeleka ndiziqhelanise nale meko kwaye okubuhlungu abantwana bam nabo bachaphazeleka yile meko.
UMangcala utyhola ngelithi bekuye kunyanzeleke azibhatalele iinqwelomoya zokuya emsebenzini eRhawutini nanjengoko ehlala eKapa, kwaye azibhatalele nendawo yokuhlala.
“NdiseKapa ngokuhlala. Bekufuneka ndiziyele [ngenqwelomoya] eGoli, ndizikhangelele indawo yokuhlala, kwaye ndamkele imali engaphantsi kathathu kwendifanele ukuyifumana.”
Uthi kwakufanele indima yakhe kaSithembiso Radebe yayithathe iinyanga ezimbini, kodwa isikhululo nabakwaFerguson bayithanda indima yakhe yaze yolulwa isithuba esingangonyaka.
” Bathi bakundicela ukuba ndihlale into engangonyaka ndabacela ukuba bajonge indaba yomvuzo wam, indawo yokuhlala nesithuthi. Bandithembisa ngokulungisa oku kwisizini yesibini. 
UMangcala udiza athi wonyuselwa umvuzo ngekhulu leerandi (R100) kuphela, nakwisizini yesithathu waphinda wonyuselwa ngeR100. 
Uthi abakwaFerguson, inkampani elawulwa zizithandani, uShona nowakwakhe uConnie, baqhubekeka bemthembisa de yayisizini yesine yeThe Queen.
Uthi waye wanikwa indawo yokuhlala kwipomakazi lakwaKhoza elimagumbi angaphaya kwesithandathu, kodwa umnqa kwathiwa makabelane ngebhedi nonogada walo mzi. UMangcala uthi wafaka isikhalazo ngoku, kodwa zange ahoywe. 
“NgeyeDwarha ndabaxelela ukuba andizokulungela ukuziyela eGoli kwaye andizokukwazi ukuqhubeka ngokwabelana ngebhedi nenye indoda,” kubalisa uMangcala. 
Uthi wothuswe kukuxelelwa kwinyanga ephelileyo ukuba indima yakhe kulo mdlalo iza kubulawa kuba uGomora wonyuse amanani, ngoko bafuna into eza kukhulisa amanani alo mdlalo.
AbakwaFerguson kudala besematheni ngokungaphathi kakuhle abasebenzi okanye abalingisi kwimidlalo yabo.
Ukuhamba kukaMangcala kuza emva kokuphuma kwabadlali abafana noMara Louw, uRami Chuene noDineo Langa kulo mdlalo.
UMangcala uzenzele igama kwimidlalo efana neIntersexions, Stokvel, Forced Love neMatatiele.