Umxhentso weendlavini!

Thina lutsha lwabengubo sikhule kusithiwa siziindlavini ngamagqobhoka nabantwana bawo. Izifundiswa zazizichasile kakhulu iindlela zethu zokuzonwabisa kolutsha lwelo xesha.

Imidaniso nemitshotsho nejaka nokubetha iintonga ibizizinto ebekuyalwa ngazo abantwana zizifundiswa, ukuba bangazingeni. Andisathethi ke ngokulinda iintombi ehlathini nasemthonjeni nasevenkileni, ibithiywe kakhulu leyo nto yile mpi.

Izibongo zethu, ukuncoma iintombi neengoma zethu ebesizombela zazilizothe! Thina bengubo babehamba isikolo, ngobusuku boLwesihlanu ukuya ngeCawa emini besifumaneka ezindaweni zethu zolonwabo, eyesikolo siyoyicinga ngoMvulo ekuseni.

Naphakathi evekini besike sivukwe ziinkumbulo zemitshotsho ethe yabalasela kwiimpelaveki esiphuma kuzo, endleleni ebuya esikolweni zibhinqele ezo jezi zesikolo esinqeni iintombi zethu zombele.

Kowuuu, sitsho singatyityimbeli izinto ezazilapha! Besibizelwa e-ofisini katitshala omkhulu ke ngengomso, singxoliswe, sigxijwe sikhalinyelwe ngootitshala, kusithiwa asiyondawo yeendlavini isikolo.

Kutheni sitshotsha ngempahla yesikolo? Besingethi mandla ke, singadani nakancinci, kuba ibikuphela kwento esiyaziyo kwezolutsha, ngokungafaniyo nabamakhumsha ababehamba iikhonsathi namakhakha.

Ndiyakrokra ukuba inokuba sasizizo nyhani iindlavini. Naku sasike siphathe iintonga esikolweni, siziqhusheke engceni nasekhaleni, xa kuphuma isikolo sityobane iintwala, sibuyele esikolweni kwakusa sineenduma.

Ebebuza ancame utitshala, efuna ukuqonda ngeenduma, ingake itsho ukuza impendulo enyanisileyo. Babelula naba titshala. Babefuna ukuqonda iinduma zamakhwenkwe xa babeyintoni bona ezindukwini?

Ukuzixhoxh’ igila ngenkukhu kammelwane! Yayisele isingena ke leyo nto yokuba kuthiwe izinto zethu bubundlavini, de nathi sazibiza ngolo hlobo.

Kumsitho wokugqwathula kwimisebenzi yongasekhoyo ubawo * -O R Thambo eNkantolo eMbizana, umfo obebalisa ngezinto ezazithandwa ngulo bawo ngemihla yobutsha bakhe ubalule nokuba wayethanda “nomxhentso weendlavini”!

Kukweso sithuba kanye ke apho ndiwe kusiba lwam kwangelo xesha ndabhala eli nqaku, ndikhumbula obelam ixesha ubundlavini. Obo ke bubundlavini balo mihla.

Kodwa kunjalo, asizange saba kubuxelegu bolutsha lwanamhlanje. Ingathi ngoku kukona kufuneka lawa makhumsha ayekhalimela thina, ukuba avele akhalime anqande obu bundladiya bumiyo.

Mhlawumbi ke igama elithi “ndlavini” laphelela kumaxesha ethu le nto bungababazwayo obu bumiyo ubundlavini. Imijuxuzo yolutsha lwanamhlanje ilizothe.

Akusekho kujuxuza kukujuxuza kubo ngaphandle kokudlala ngezinqe ngendlela emanyumnyezi nefunisa ukuba kufihlwe abantwana.

Nala manqe abo ke athambe okwawekati, ose ufike bewemenqula bewajongisa naphi na nangayiphi na indlela. Ukuba yayiyinyani into yokutyhaphaka kukubona kakubi ngeba siyarhuqwa sonke kule mihla, ayizo nto zokubonwa esidlangalaleni izinto esiziboniswa lulutsha olumiyo.

Intombi yakuhlala kakubi yayikhalinyelwa, nayo yothuke iqoshele ngokukhawuleza kuba sukube ingaqondanga ukuba sele ihleli ngolo hlobo. Ezanamhlanje ziphuma zime kakubi kwasendlwini.

Hlala endlwini yakho ke wena mntu utyhatshazwa kukubona! Iingoma zolutsha lwanamhlanje zezona zibonisa ubundlavini obungaphezulu kobelixa likabawo uThambo, nakobelethu na kakade. Iindlela zokudlalisana kolutsha zimasikizi.

Uthi wakubona umntwana oyinkwenkwe enxule oyintombazana kukruneke umxhelo kuthi bazeleyo, usenziwa lixhala lokuqonda into eza kumenza yona loo ndladiya lowo mntwana. Hayi ke kambe! Sasizilinda iintombi, sizikhusela kananjalo kuzo zonke iingozi nezinto ezilihlazo.

Namhlanje azikhuselekanga ezandleni zoogxa bazo, kudlaliswa ngazo ngendlela ehlazisayo. Iintombi nazo ngokwazo zizixovulisa ngokungemthetho ngabomu, ngamaxelegu okwazo!

Ngabezifundiswa namagqobhoka namakhumsha ke aba benza ngolu hlobo, kuba ke akusekho ungelogqobhoka nekhumsha.

Kazi ngoobani na ke iindlavini xa kunamhlanje mfo waseNkantolo?

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.