KUBONAKALA ngathi umyalezo wenkokeli yeDA uMmusi Maimane wokukhokelisa uNelson Mandela kumaphulo okugaya inkxaso yeDA awukafiki eQunu eMthatha, indawo elikhaya likaMandela.
Ngokweziphumo zolonyulo loomasipala obelubanjwe kwiveki ephelileyo, iANC yiyo enkqenkqeze phambili kwiilali zaseQunu. Iilali zaseQunu kwakunye neBumbane, apho kukho ibhotwe lobukumkani babaThembu, ziphantsi koWadi 19 kumasipala iKing Sabata Dalindyebo.
Kule wadi, iANC ifumene iivoti ezingamawaka amane anamakhulu asixhenxe namashumi amathandathu ananye (4 761). Ezi voti zithetha ukuba iANC ifumene i84.75%, kwalandela iUDM ngeevoti ezingama-570 (10.15%) yaze iDA yafumana kuphela iivoti eziyi-185 (3.29%).
Ngethuba egaya inkxaso phambi kolonyulo, uMaimane uxelele amalungu nabalandeli beDA ukuba bavotele lo mbutho ukugcina iphupha likaMandela lokubona uMzantsi Afrika oqhubela phambili. Kwankqu nakwiintengiso zikamabonakude zeDA, lo mbutho ubukwasebenzisa uMandela.
Ummelwane kumzi wakwaMandela eQunu uNolungile Qhingana, uthi iANC isathandwa kakhulu kule lali. “Sineenkonzo ezifana namanzi, umbane, indlela yetha kwakunye nezindlu zangasese ngenxa yorhulumente okhokelwa yiANC. Ngoko ke akululanga ukungayixhasi iANC,” utshilo uQhingana.Kodwa noxa kunjalo, uQhingana uthi ingxaki yokunqongophala kwemisebenzi iyithwaxa nangakumbi iQunu.
“Abona bantu babethakalayo lulutsha. Abantwana bethu abananto yokwenza. Ngoku baphela sele bengamaxhoba okusebenzisa ngokugqithisileyo utywala,” kutsho uQhingana. Phakathi kwezinye zezinto eziluphawu lophuhliso eQunu kubalulwa iholo elikumgangatho, iposi, igaraji (yokwetha amafutha eemoto), ikliniki kwaneziko lokugcinwa kwembali (museum).
Noxa nje iANC ifumene iivoti ezithe xhaxhe kule wadi, abahlali abakufuphi neziko-mbali iQunu Museum bathe babamba uqhankqalazo emva kovoto besithi abamfuni umgqatswa abamnikwa yiANC.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?