Umyalezo weKrismesi osuka kwabezopolitiko

Ixesha leKrismesi lixesha lokonwaba nosapho nezihlobo, wetyise ubude bonyaka ukucwangcisela unyaka ozayo. Iinkokeli zopolitiko zaseMpuma Koloni kwaneNdlu yeeNkosi ephondweni zinqwenelele abafundi bephephandaba I’solezwe iKrismesi emyoli kwanonyaka omtsha oyokozela amathamsanqa.

Nkosi Ngangomhlaba Matanzima, usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni:

“Sinqwenelela bonke abafundi beli phephandaba I’solezwe ixesha lokuphela konyaka elihle, bayonwabele iKrismesi futhi babenonyaka omtsha onempumelelo. Siyayazi ukuba zikhona iinkxwaleko esigqithe kuzo, kodwa masingalahl’ ithemba. Abo bathe baphulukana noonyana babo ngenxa yolwaluko olugwenxa, uThixo makababophe. Siyabulela nangeliphephandaba I’solezwe kuba liyasinceda ukuhambisa imiyalezo, iye ebantwini. Ndikwanqwenelela nabasebenzi bephephandaba I’solezwe iKrismesi ezolileyo, futhi ekhatshwa ngunyaka ozele ubuhle.”

Mlibo Qoboshiyane, isithethi seANC eMpuma Koloni:

“Singumbutho weANC sinqwenelela bonke abantu baseMpuma Koloni iKrismesi ezele lulonwabo nokhuseleko kwanonyaka omtsha ozele amathamsanqa. Njengombutho oselulawulweni, asiphumlanga sisebenza nzima ukuqinisekisa ukuba abantu beli phondo banekamva eliqhakrazileyo ngokuthi babenemisebenzi. Unyaka ka-2016, ngunyaka obungelula kwiANC kodwa lo ngumbutho omdala okwaziyo ukumelana nemicelimngeni.”

Veliswa Mvenya, usihlalo weDA eMpuma Koloni:

“SiyiDemocratic Alliance sithatha eli thuba ukunqwenelela bonke abafundi bephephandaba I’solezwe iKrismesi ekhuselekileyo. Inga kulonwabo lwethu ngeli xesha singasoloko zizinika umda, ukuze singagqithisi. Sicela abantu bakuthi bangaqhubi izithuthi besele utywala. Sinqwenela ukuba abantu bakuthi baphumle kakuhle neentsapho zabo kweli xesha.”

Max Mhlathi, inkokeli yeUDM eMpuma Koloni

“Sinqwenelela bonke abafundi bephephandaba I’solezwe, iphepha lesiXhosa laseMpuma Koloni, iKrismesi emyoli nonyaka omtsha ozele amathamsanqa. Ngumnqweno wethu siyiUDM ukubona abantu beli phondo bonwabile, ngokuthi babenemisebenzi. Sifuna ukuba imizi-mveliso (eDimbaza naseGcuwa) eyayiqesha abantu iphinde ivulwe.”