Umyeni olipolisa kwiyelenqe lokubulawa komfazi

Umbuzo washiyeka umile eluntwini wokuba isizekabani yintoni na emva kokuba uNosipho Sidabuka-Jombile (51) wathi waxhwilwa ngamadoda amabini.

Uluntu lwavakalisa ukubanesikrokro, ngenene kuloo mibuzo belunayo yaphenduleka emva kokuba abanye babarhanelwa abahlanu abathe babanjwa ngempelaveki kwabe kukho nowayesakuba ngumyeni kaNosipho, uPhindile Jombile (52).

USidabuka-Jombile, nowayesebenza kwiNdlu yoWiso-Mthetho eBhisho, waqweqwediswa ze waxhwilwa ngamadoda amabini awayezigqume ubuso ngakwibhulorho yaseTsitsa kuQumbu ehamba nonyana wakhe onamashumi amabini anesibini ubudala, kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Wafunyanwa ebhubhile emva kweentsuku ezintathu enenxeba lokudutyulwa, ebhaqwa ngabantwana ababeyokuqokelela imfuyo.

Abarhanelwa bavelile ngoMvulo kule veki kwinkundla yamatyala kuQumbu, nekuquka amakhosikazi amabini kuwo alusapho, uLindiwe Komanisi-Jombile (39), owayengumyeni wexhoba uPhindile Jombile nolipolisa, uSibongile Komanisi (41) kwakunye noDanisile Bhotyumpha (55). Isithethi seNPA kula ngingqi uLuxolo Tyali, uthi aba babekwe ityala lokubulala, elokuzama ukubulala nokuba nompu.

Bashiyeke ngaphakathi eziseleni. Baza kubuyela kwakhona ngomhla wesithoba apho baza kufaka isicelo sebheyile.