Umyolelo kasopolitiki awuyonto!

Ngokungena ipolitiki uphulukana nento eninzi ekwenza ube nguMntu. Kambe ke yinto abazinikela kuyo leyo oosopolitiki ababezabalazela inkululeko yeli lizwe, baxolela ukuphulukana nako konke bezenza idini lesizwe.

Neentsapho zabo zabancamela isizwe, eyona nto yaka yanzima kwintlalontle yomntu!

Andazi ke nokuba nditsho na nakwabanamhlanje oosopolitiki ukuthi nabo bazenza idini lesizwe, inene andazi.

Ukuthandabuza oku kwam ke kukuba akusaliwa ngoku, koko kuyasetyenzwa, ngako oko ke ipolitiki yanamhlanje ngumsebenzi wesisu.

Kodwa ke mandiyiyekele kubaphicothi leyo indawo, ukugqiba ukuba ingaba oosopolitiki bale mihla balidini lesizwe na okanye basebenzela iintsapho zabo.

Ukubuyela kweyam ke indima; ilungelo lokuzikhethela akanalo usopolitiki.

Izimvo aziphimiselayo zezombutho, okanye zezenkolelo yequmrhu elithile embuthweni wakhe. Kwanezivele ngaye izimvo nebekumele ukuba amanqaku ngazo aya kuye yena siqu, zijika ibe zezombutho hayi ezakhe siqu.

Inkokeli kwipolitiki ivakalisa uluvo ekugqitywe kulo sisigqeba hayi nguye yena siqu, ezakhe siqu ziphelela phaya ebhungeni ngasese.

Isintu sinenkolelo enenkqayi kumyolelo. Akufa umntu isintu simhlonipha nangakumbi, kuthi nokuba ebengungantweni zikhunjulwe izinto azithethe esaphila.

Nokuba yena ebengeva mntu na, kodwa akufa iba ngathi kukhona evayo, ahlonitshwe ngokunga angathi khe wavuka angayingqondi egqibeleleyo. Kwekhu, inkolo ke namanxele ayo!

Usopolitiki ke yena umyolelo wakhe awundawo. Kunjalo nje akukhathaliseki nokuba ebewubeke wacaca kangakanani na, ubethwa ngoyaba.

Njengokuba eminye ikhe ithi ingacacanga kwainto eyithethayo iphicothwe, owakhe uyafana nje nokususa kwexhego.

Akufa usopolitiki, ingakumbi abathi banikwe iwonga lokungcwatywa ngurhulumente, iba ngurhulumente lowo okhokelayo, usapho lugotywe.

Nakwabangalifumananga eli wonga, ilungelo lokulawula nokukhokela kosapho liyanyinwa, umbutho uphale phambili.

Sinohlokondiba lwamaqhawe ezopolitiko aphuma kweli leMpuma Koloni, aziwayo iilali azalwa kuzo nabazali bazo nabamelwana nezihlobo zazo.

Kodwa uninzi lwalo maqhawe angcwatywa kumazwe angaziwayo. Lungcwatywa ezigangeni nangani lunemizi nemihlaba yooyise kwelokuzalwa kwawo.

Andazi ke ukuba ithini na inkolo yesintu kule meko, kuba ke amaXhosa ade anazo neenkqubo ezintsha ezahlukeneyo zokuphuthuma abafileyo kuba kusithiwa kufuneka abe phakathi kwekhaya amathambo abo nomoya wabo. Oosopolitiki bona bathiwani?

Akudingeki ukuba babe phakathi kwekhaya bona? Mhlawumbi ke kwaintsulungeko yale nkqubo yokuphuthuma icelwa umngeni; kubuya ela qhalo lokuba ingcwaba lendoda lisecaleni kwendlela? Ndoke ndikuve zwindini!

Sive koonokrawuzana ukuba umama uNomzamo Madikizela-Mandela wayethe ufuna ukungcwatywa ecaleni kukanina noyise.

Andazi ke nokuba oko ukuthethe ngeli xa sele ephelelwe ngumendo na, kuba ke uninzi belakulindela ukuba angcwatyelwe emzini wakhe nanjengoko esiXhoseni ungena kuqhawulwa umtshato.

Enokuba kwakutheni na ke, kodwa elona liphambili kukuba umyolelo wakhe utyeshelwe nje ngokulula, ukuba ubukho ke phofu.

Kuthiwe lusapho ke elikhethe ukuwaphula, endingaziyo ke nokuba xa kuthethwa ngosapho kuthethwa ngabani na kuba usapho lwenziwa luhlokondiba lwabantu: abegazi nabamelwana nezihlobo nezalamana. Asazi ke ukuba belume njani na olukamama, kuba sizivile izincwino zabanye baba ndibakhankanyayo ukwenza usapho.

Abantu ababemazi ukusuka nokuhlala umama balihluthiwe ilungelo lokumngcwaba. Babe zizathemeli kumngcwabo wentsengwanekazi yabo, bebukele abantu abangamaziyo nabangabaziyo bekhuphisana eqongeni bezoba uMaNgutyana wabo.

Ndaza ndakuva ntombindini ezidla ngenkciyo yomnye! Kazi uze nje wena iphi na eyakho? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba