Umzabalazo mawuqhube, kutsho iqhawe lika’76

Iqhawe kumzabalazo wabafundi ngo1976 uSeth Mazibuko uthi kuninzi ekusamele kulwelwe ngabafundi bale mihla.

UMazibuko ukuthethe oku ngethuba eyinxalenye yabantu abebezimase umngcelele wabafundi bezikolo zaseMthatha kutsha nje. Zizikolo ezingaphezu kweshumi ezidlulise uxwebhu lwezikhalazo kwi-ofisi yesithili semfundo eMthatha iBotha Sigcau.

“Ngo1976 sasilwela imfundo esemgangathweni kodwa kule mihla akukho ncwadi zakufunda, abahlohli bayarhwaphiliza kusekuninzi ekusamele kwenziwe ngurhulumente. Ndithathe isigqibo sokuxhasa lo mngcelele wabafundi ngenxa yokukhumbula idabi lethu eSoweto,” kutsho uMazibuko.

Phakathi kwezinto ebezikhona kuxwebhu lwabafundi kukunyanzelisa isifundo sembali ( History) ukuba sifundwe ngabafundi bonke, kuphele iziyobisi ezikolweni nezikolo zodaka.

Umfundi kwisikolo iSt Johns College eMthatha uAnelisa Mshumpela (15) uthi, usuku lokukhumbula idabi lika1976 libafundisa ukudluliselana ngolwazi. Ukwathi bafuna iHistory ifundwe ngabafundi bonke esikolweni ukugcina imbali.

UZolisa Magaqa oyinqununu eSt Johns College uthi bathathe isigqibo sokukhweba ezinye izikolo kwenziwe umngcelele obusingise kwisebe lemfundo ngeliyovakalisa inkxalabo nezikhalazo ngemeko yezikolo.

isibhalo@inl.co.za