Umzabalazo wenkululeko nomhobe wesizwe

Ngale nyanga yokukhunjulwa kwamafa sithi makhe sikhumbuze imbali ngengoma kaSontonga.

UWelcome Ncita: Imbethi manqindi yaseMdantsane egama linguWelcome Ncita, umfo wakwaHlongwane, xa yayidlala kwaSirayeli umlo wenjinga yehlabathi i-International Boxing Federation Super Bantam Title noFabrice Benichon ngomhla we-10 eyoKwindla 1990 kuthiwa akuzange kuvunywe mhobe wasizwe, yaba ngathi akuliwa intshinga yehlabathi.

Isizathu kukuba abalawuli bakhe abazange bavume avunyelwe umhobe * ‘Die Stem’ owawuluphawu lwengcinezelo yabantu abaMnyama boMzantsi Afrika.

Lo mlo wawuqulunqwe nguRodney Berman noCedrick Kushner. Kuthiwa umqeqeshi wakhe uMnu. Mzimasi Mnguni wamshiya apho kwaSirayeli eleqa ekhaya ukutshiswa kwamashishini akhe ngethuba lobhukuqo eCiskei.

Kodwa kwathi ngethuba wayekhusela intshinga yakhe kuGeraldo Lopez wasePanama kwilizwe laseItaly e-Aosta, ngomhla wama-29 kweyoMsintsi 1990, kwenzeka imbali ngokuthi umqeqeshi wakhe anyanzelise ukuba imbethi-manqindi yakhe uWelcome Ncitha avunyelwe uNkosi Sikelel’iAfrika.

Ngelo xesha umhobe wesizwe ovunyiweyo ngokusemthethweni eMzantsi Afrika yayingu ‘Die Stem’. Kwelinye icala imbethi-manqindi yomntu oMhlophe yaseMzantsi Afrika eyayiza kulwa kwakuloo tumente inye yase-Italy, uBrian Mitchell owayeza kukhusela intshinga yakhe kuFrankei Mitchell waseMelika yena wavunyelwa umhobe owahlukileyo kowavunyelwa imbethi-manqindi entsundu enguWelcome Ncitha.

Xa engena eqongeni uBrian Mitchell wahlatyelelwa umhobe wesiBhulu othi, ‘Die Stem van Suid Afrika’. Le nto yayibonisa uthanda olukhoyo phakathi komntu oMhlophe nomntu oNtsundu waseMzantsi Afrika.

Olu yayiluphawu olwalubonisa ukuba nangona imibutho yezopolitiko yaseMzantsi Afrika yayikhululwe, namabanjwa ezopolitiko afana noGqirha Nelson Mandela ekhululwe, eMzantsi Afrika lwalungekalawuli uxolo phakathi kweentlanga. Ukwenzeka kwesi siganeko sokuvunywa kwemihobe emibini kuyangqinwa yintatheli egama linguMxolisi Ntshuca eyayibhalela iphephandaba ‘Imvo ZabaNtsundu’, eyathi ngowe-1990 yakhupha inqaku elithi, ‘Nkosi Sikelel’ i-Afrika Played on Italian TV’.

UPiet Goosen: UPiet Goosen wayengunozakuzaku waseMzantsi Afrika kwiphandle laseCiskei, wacela abantu ababevuma iingoma zetoyitoyi ukuba bakhe bathi xha ngazo khe bavume le ngoma yesizwe uNkosi Sikelel’iAfrika. Into edala umdla kwesi sicelo kukuba senziwa kwiminyaka emibini phambi kokuba uMzantsi Afrika Omtsha usekwe, kudityaniswe umhobe uNkosi Sikelel’ iAfrika nowesiBhulu ongu ‘Die Stem’.

Iphephandaba, ‘Imvo ZabaNtsundu’ kweyeDwarha ngomhla we-15, 1992 lahambisa lathi: “EQONCE: Unozakuzaku oMhlophe woMzantsi Afrika omi eCiskei ucele isiqhu sabaqhankqalazi ukuba bacule umhobe wesizwe uNkosi Sikelel’iAfrika.

Oku kwenzeke ngethuba lomngcelele obuqhankqalazela ukuvulwa kwepalamente nobubanjwe, apha kutsha nje. UMnu. Piet Goosen unozakuzaku usenze esi sicelo emva kokwamkela uxwebhu lezikhalazo alinikwe nguMongameli wombutho iCOSATU uMnu. John Gomomo.

Ngenene bethu uMnu. Goosen umculelwe uNkosi Sikelel’iAfrika wabonakala naye eshukumisa imilebe emcula. Esi sicelo sikaMnu. Goosen sibe ngundabamlonyeni kuba sivele kungekudala emva kwamadabi eentetho ebekho phakathi kwabaMnyama nabaMhlophe kweli lizwe malunga nomhobe wesizwe. AbaMhlophe bafuna ukubambelela kumhobe wesiBhulu othi, “Die Stem” ngeli thuba abaMnyama bebethelela ukusetyenziswa kukaNkosi Sikelel’iAfrika.

Lo mngcelele ubungomnye nje wemingcelele eliqela eqhubeke kweli lizwe ngethuba lokuvulwa kwepalamente eKapa kutsha nje.”

UBhishophu Desmond Tutu: Iphephandaba laseQonce ‘Imvo ZabaNtsundu’ lomhla wama-21 kweyoMnga 1984 lakhupha inqaku elithi, “Kuculwe Awenkululeko Kwitheko likaTutu,” apho siboniswa ukuvunywa komhobe obhalwe nguSontonga ngethuba elalinzima lokucinezelwa komntu oMnyama nguRhulumente wabaMhlophe owawukhokelwa ngamaNashinale:

“E-OSLO: Itheko lokwamkeliswa kukaBhishophu Desmond Tutu (53) imbasa nebhaso likaNobel Peace Prize kweli komkhulu likhe laphazamiseka ngesoyikiso esenziwe ngumntu ongaziwayo igama lakhe, esithi kukho ibhombo etyaliweyo kwiholo ebeliza kubanjelwa kuyo, lo mfo walitsho nexesha eya kuthi iqhushumbe ngalo.

Kuphunyiwe kwiholokazi apho belibanjelwe khona eli theko ibandla likhokhelwe yikumkani yaseNorway * -Olav wesiHlanu laqhutywa kwiholo yeDyunivesithi engekude apho. Kambe ke kuthe kanti itshijolo elo eloyikise ngokutsala umnxeba, lithetha amampunge.

Umsebenzi uhambe kakuhle. Zawa iintetho apho umcimbi uphakamile kutsholozwa ngabaxhasi boMthanjiswa lo kuculwa iingoma zenkululeko ngabantu abalinganiselwa ewakeni. Le kwayala kaBishop Tutu ebixubene nosapho lwakhe iyivale imihobe leyo ngomhobe wesizwe * “Nkosi Sikelel’iAfrika”.

Intetho yonikezelo lwembasa yenziwe nguSihlalo weNobel Committee, iqumrhu elijongene nalo msebenzi owenziwa ngomhla we-10 kweyoMnga minyaka, uMnu. Egil Aarvik. Kudlwabevu lwentetho yakhe ebekhwela edilika kwinkqubo yeloMzantsi Afrika ebandlulula indlu eMnyama kwezinye iintlanga zeli.

Uthe uBhishop Tutu usisibane esizama ukuguqula le ndlela ikhohlakeleyo ngemigudu nenkqubo yoxolo ekubeni indlela esitshisa ngayo isitrophu sengcinezelo abantu kufanele ukuba sekukudala bazama ukuzikhulula ngezigalo. Kubantu abangama-70 asele belixhamle eli wonga emhlabeni jikelele ukusukela kunyaka wokusungulwa kwalo, uBishop Tutu ngowesibini kweli loMzantsi Afrika.

Wandulelwa nguNkosi Albert Luthuli owayenguMongameli weAfrican National Congress eseyavalwa umlomo ngumthetho weli kwiminyaka engama-23 eyadlulayo.

Ingxowa-mali yasungulwa ngumfi uAlfred Nobel waseSweden nomqambi wesiqhushumbisi sedamanethi owathi kwilifa lakhe awayolela into yokuba lijongane namaqhawe asebenzela uxolo emhlabeni. Kweyakhe intetho, uBishop Tutu uthe eli wonga akalithabathi ngokuba lelakhe yedwa koko lenzelwe bonke abathanda uxolo nobulungisa.

Uthe abantu abangazange bavuyisane naye ngalo nguRhulumente weloMzantsi Afrika nowaseRussia. Uhambise wathi eli wonga liya kuvuselela ithemba kwizifuba zezigidi ngezigidi zabantu abaMnyama abaphansti kwengcinezelo.”