INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uthi idabi lokulwa nesifo sikagawulayo kwanentsholongwane yaso, lidabi eliphumelelekayo ingakumbi xa abantu abatsha benokuncedisa kangangokuba besenza.
UMasualle ebethetha noonondaba kwikliniki yaseDuncan Village eMonti, kulandela ukukhokela igqiza lorhulumente waseLower Saxony eJamani elithe lanikeza ngezixhobo zokwenza umsebenzi lula kumagosa ale kliniki.
“Idabi lokulwa ulwaphulo-mthetho liyaphumelela kodwa ngoku sifuna abantu abatsha ukuba bathabathe inxaxheba kuba usuleleko kubo luyanda,” utshilo uMasualle.
UMasualle uthi ngale ntsebenziswano banayo neLower Saxony, iziqhamo zempilo-ntle kubantu baseMpuma Koloni yinto esele beyibona.
“Sinentsebenziswano entle norhulumente waseLower Saxony eJamani, futhi besizandula ukubuvuselela obu budlelwane bethu kulandela utyelelo lwethu kwela lizwe nyakenye.
“Le ntsebenziswano iqamele kakhulu kwintsebenziswano kwimiba yezempilo ingakumbi ekulweni nesifo sikagawulayo. Le ntsebenziswano yenza ibe lula indlela asebenza ngayo amagosa ezempilo,” utshilo uMasualle.
Kule kliniki yaseDuncan Village, kutyelela abantu abafuna uncedo lonyango ababalelwa kumawaka asibhozo ngenyanga.
Esaleka koku, uAndreas Paruszewski wecandelo lokulwa nesifo sikagawulayo kurhulumente waseLower Saxony uthi nabo bayaxhamla kule ntsebenziswano.
“Ngethuba sityelelwe ngurhulumente waseMpuma Koloni saxoxa ngemiba yabantu abaphila impilo yokuguquka ngokwesini (transgender), umba esingazange sakhe saxoxa ngawo. Ngenxa yale ntsebenziswano, ngoku siyakwazi ukuxoxa ngalo mba,” utshilo uParuszewski.
Eli gqiza likwatyelele nakwisibhedlele iFrere kwaseMonti lijonga umqela owenziweyo ukuphuhlisa iinkonzo zonyango loluntu.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!