Umzali: ‘Ndidinga uncedo phondo leengqwele!’

UGcina Ndyulo,12, waseGcuwa ucela amalizo kuye nabani na akwazi ukuya eMntla Ntshona ayokumela eli phondo kukhuphiswano lwe-Intenenational Junior Miss SA UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Uvuyo lwam malunga nokutyunjwa komntwana wam ekubeni ayokumela iMpuma Koloni kwiphondo laseMntla Ntshona ngempelanyanga luvele luphelele esithubeni. Okubangela oko kukuba andiphangeli, ayikho indlela endiza kuthi ndenze ngayo ukuze abe uyahamba njengoko zininzi izinto ezifunwayo kwaye ndingenawo amandla azo.” La mazwi ngakaThembakazi Ndyulo welali yakuNdabakazi eGcuwa nongumama kaGcina,12, oyokumela iphondo kukhuphiswano i-International Junior Miss South Africa eSun City eMntla Ntshona.

UNdyulo, 35, uthi imali efunekayo xa iyonke yiR15000 kuba ziliqela izinto ezifunwayo nezifana neelokhwe, izihlangu, ukwenziwa kweenwele kwakunye nohambo lwakhe ukuya eMntla Ntshona. Uthi le nkampani yokhuphiswano ifuna ukuba umntwana abhalise ngemali kwaye ithi neelokhwe kwakunye nezihlangu ezizokunxitywa ngumntwana zifumaneka apho aya khona umntwana akezi nezakhe.

“Le yeyona indichanayo into, ingathi ngekungcono ukuba umntwana ebesiza nezakhe izinto bendiza kuputalaza ngcono. Kanti ngoku mna ndiphelelwe ngamandla kuba andizukwenza ngakumbi umsebenzi wam kukuthengisa iilekese nokuncedwa yimigalelo, andinayo esi sigxina endinokuthi ndincedisa ngayo,” utshilo uNdyulo.

Uthi uyile kumasipala waseMnquma eyokucela inkxaso wathi akanayo, waya naseMonti kwisebe lezobuGcisa kwakunye neNkcubeko, lona lathi alincedi mntu mnye, linceda xa abantwana beliqela.

Uthi koosomashishini khange aye kuba ebesele etyhafile ukucela. Uthi uyafuna ukuba umntwana wakhe aye kwaye aphumelele ngenye imini njengoZozibini Tunzi. Uthi akekho umzali ongayinqweneliyo impumelelo ebantwaneni bakhe.

UGcina ukuGrade 8 eVully Valley High eGcuwa. Uqale eneminyaka esixhenxe ukungenela amakhuphiswano oonobuhle. Ngo2018 ubenguMiss Teen Butterworth Hawkers, ngo2019 wanguMiss KwaNtu kuMasipala waseMbashe.

Ukhuphiswano kulindeleke ukuba lubanjwe eSun City eMntla Ntshona ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga. UGcina angahamba naye ayokumela iphondo ngokoncedo lwenu.

Umbutho wabathengisi basezitratweni eGcuwa iButterworth Hawkers Association ukwiintetha kwakhona nomasipala waseMnquma kwakunye noosomashishini ekubeni kuncedwe le ntwazana.