UMzantsi Afrika uceba ukushiya inkundla ye-ICC

UMBUTHO we-ANC ufuna ukuba izwe loMzantsi Afrika liziguzule kwinkundla yamazwe ngamazwe (International Criminal Court).

Oku kuthethwe yintloko yalo mbutho ejongelene nobudlelwane namazwe angaphandle * -Obed Bapela. UBapela ukuthethe oku izolo kwindibano yebhunga yombutho kazwelonke (NGC) eGallagher Estate eGoli.

Utyhole i-ICC ngelithi ayisekho kumgaqo owenza ukuba eli lizibandakanye nayo.Ukwatyhole amazwe asentshona ngelithi anyhasha amalungelo abantu kodwa akukho manyathelo athatyathwayo ngakuwo.

UMzantsi Afrika ugxekwe kabukhali emva kokudelela umyalelo wenkundla owawunyanzelisa eli ukuba libambe * -Omar Al-Bashir ongumongameli wase Sudan.

U-Al-Bashir ujongene namatyala okubulala isininzi sabemi belazwe kwakunye namatyala emfazwe.Kulindeleke ukuba atyelele kweli kwinyanga ezayo.