UMzantsi Afrika ukulungele ukubamba inkomfa kaGawulayo

INKOMFA yehlabathi yama-21 kaGawulayo (21st International Aids Conference) ibuyela eMzantsi Afrika emva kweshumi elinesithandathu leminyaka.

Le nkomfa yagqibela ukuthi cakatha kumhlaba welizwekazi laseAfrika ngo-2000. Le nkomfa izakubona iingcungela neengcali zentsholongwane kaGawulayo zigxalathelana kwisixeko saseThekwini, phantsi komxholo othi :

Access Equity Rights-Now. Le ndibano izakusondeza ngaphaya kweshumi elinesibhozo lamawaka (18 000) leendwalutho, Kule nkomfa kuzakunikwa nembeko kongasekhoyo uNkosi Johnson, owaba bubuso bamaphulo kaGawulayo njengoyena mntwana uphile ithuba elide nogawulayo eMzantsi Afrika ngo-2000. Kwakhona, kule ndibano ilizwe lizakubonisa ngenkqubela esele liyihambile ekulweni nogawulayo.

UMphathiswa kwi-ofisi kaMongameli uJeff Radebe uthi, amalungiselelo enkomfa ame ngobume. URadebe okhokele ikomiti yabaphathiswa kule nkomfa, uthe bafumene ingxelo eyonelisayo ngokulungela kweli lizwe ukusingatha isiganeko esikhulu kwimpilo yehlabathi. Le komiti, nequka abaphathiswa abalishumi elinesithandathu, kuquka iNkulumbuso yaseKZN uWillies Mchunu noSodolophu waseThekwini uJames Nxumalo, yasekwa nguMongameli Jacob Zuma ukuqinisekisa impumelelo kucwangciso lesi siganeko.

“Sazisiwe ngeenkonzo ezisisiseko, ukhuseleko, ezempilo kwakunye namalungiselelo okundwendwela ale nkomfa. Ngokwezi ngxelo, sonelisekile ekubeni ngokwenene uMzantsi Afrika ukulungele ukwamkela ihlabathi nokusingatha inkomfa eyimpumelelo nalapho kuzakwenzeka imbali ngenkqubela-phambili yokulwa nentsholongwane kagawulayo, isifo sikagawulayo kwakunye nesifo sephepha,” utshilo uRadebe. Eli lizwe libambisene nombutho wehlabathi kagawulayo (International Aids Conference), imanyano ezimeleyo yezifundiswa ezibandakanyekayo ekulweni nentsholongwane kaGawulayo, nenamalungu ali- 16 000 kumazwe angama-170. Esi siganeko kulindeleke sichotshelwe e-INkosi Albert Luthuli International Convention Centre (ICC) ukusukela ngomhla we-18 ukuya kuma-22 kweyeKhala. Malunga neshumi lezigidi (10 million) elizivavanyela ugawulayo kweli lizwe nyaka nonyaka, utshilo uRadebe.

Uthe phakathi kuka-2010 no-2014, amanani abo babulawa ngugawulayo kweli, libonise ukwehla ukusuka ku-320 000 ukuya kwi-140 000, kwakunye nolosuleleko lukagawulayo phakathi komama nomntwana lwehle ukusuka kwiintsana ezingama-70 000 ngonyaka ka2014, lakwi-7000 ubuncinane kunyaka ophelileyo. “Noxa kunjalo, siyaqhubekeka nokujamelana nedabi lokutshintsha kwemo yokuziphatha, ingakumbi kwabo bakwiminyaka ephakathi kweshumi elinesihlanu namashumi amabini anesine kumantombazana namanina aselula.”

Malunga nama-18 000 eendwalutho kwakunye ne- 1 000 leentatheli ezimele amazwe angama-180 ekulindeleke azimase le nkomfa, nezakuhlalelwa nguChris Beyrer, ongumongameli wombutho kagawulayo kwilizwe laseGeneva, ekunye neNjingalwazi yoMzantsi Afrika uOlive Shisana, nowayesakuba yiNgqonyela yeHuman Sciences Research Council. Okuzakuhlafunwa kwinkqubo yale nkomfa kuquka imiba eliqela enxulumene neHIV/ Aids.

UShisana uthe eli lizwe libenegalelo lesixa se-$1.8 million (27 yezigidi zeerandi) ukulungiselela esi siganeko, ukuze kuqinisekiswe ukuba konke kume ngendlela. “Ungalindela imigushuzo ngethuba lale nkomfa mayela nemiba eliqela efana nogonyo, kwaye oko kufuneka kuvunyelwe ukuze abantu baveze iimbono zabo. Sisafuna ukubona abemi boMzantsi Afrika bezimase le nkomfa,” utshilo uShisana.

UMphathiswa wephondo laKwaZulu-Natal, uGqr. Sibongiseni Dhlomo, uthe ulosuleleko kwabo baphakathi kweminyaka ye-15 ne-24 iseyinkxalabo, esongeza ngelithi iphulo loMphathiswa uAaron Motsoaledi lika”vavanya uze unyange’’ lineziphumo. Kulindeleke izitatanyiswa eziphezulu nezaziwayo kule nkomfa eziquka lowo wayesakuba linenekazi lokuqala kweli, uGraca Machel-Mandela, usomashishini waseMelika uBill Gates, uCharlize Theron nabanye.