‘UMzantsi Afrika unengxaki yobunkokeli’

INGXAKI yoMzantsi Afrika ayiyoNkandla. Ingxaki yeli lizwe yingxubakaxaka yobunkokeli.

Oko kuthethwe yinkokeli yeDA uMmusi Maimane kubafundi baseFort Hare eMonti. UMaimane ebephelekwe yinkokeli yeDA eMpuma Koloni * -Athol Trollip, usihlalo walo mbutho kwakweli phondo uVeliswa Mvenya kwakunye noYusuf Cassiem okhokele iDASO kuzwelonke.

Uthe, iinkokeli ezasisilwela inkululeko yeli zazinenjongo yokukhulula eli kwingcinezelo zingayazi ukuba le nkululeko izakuphela ixhanyulwa ngabathile kuphela.

Ugxeke ulawulo lwaseFort Hare esithi, “Utata uMandela soze ayikholelwe into yokuba iyunivesithi eyavelisa yena seyilawulwa ngoonqalintloko abangakhathalelanga mfundo Singazikhohlisi sithi nguJacob Zuma kuphela ingxaki kweli, yi-ANC iphela.”

Uthe, “Kukho amasela athi angabafundi naphakade nanjongo ikukuququzelela ezolonwabo kuba befuna ukutya imali, maninzi la mantshontsho kaJacob Zuma”

Ukhuthaze abafundi ngelithi mabazibandakanye nedabi lokulwelwa impilo engcono yabantu bonke beli lizwe.

Ugxeke ukohlulakala kweANC ekugcwaliseni ibala lemidlalo eBhayi kwimpelaveki egqithileyo esithi, “Bekuye iintshomi neentsapho zamalungu eenkokeli zeANC kuphela phaya. Bayaxoka ngoku bathi abantu bebeye elwandle, bekumele ukuba bazibuze ukuba kutheni abantu bekhetha ukuya elwandle endaweni yokumamela uZuma.”

Ukwathe, ingxelo evezwe ziinkcukaca manani kweloMzantsi Afrika ibonakalisa ukuba ngabantwana bezinhanha kuphela abanekamva elihle.

UMaimane uthe, “Into eyenza ukuba iANC ingafuni ukuba abantsundu bafunde kukuba bazakuyibona into yokuba iyabacinezela.”

Uqhube wathi, iphulo labafundi elithi #FeesMustFall aliphelelanga nje kwintlawulo kumaziko emfundo ephakamileyo, “Ungekhasi elilandelayo lenkululeko yokunika amathuba afanayo emfundo kubafundi abakwii yunivesithi zeli.”

Ulumkise abafundi, esithi, bazakufakwa phantsi koxinezelelo kuba bekhankasela iDASO “Bazakufika basithuke, bathi singumbutho onobuhlanga, inganoyikisi lo nto,” utshilo uMaimane.

UMvenya ukhuthaze abafundi esithi mabangavoteli iDASO kuphela kumaziko emfundo baphinde bavotele eminye imibutho yopolitiko ekuhlaleni kuba umgaqo ohanjwa ngumbutho okhokeleyo kuchaphazela nokuqhubeka kumaziko emfundo. Ukanti uTrollip uncome inkokeli yeDASO eFort Hare uBusi Mashiqa ngendima ayidlalileyo yokukhokela iDASO.