UMzantsi Afrika uvuyela isivumelwano soxolo eGaza

URhulumente woMzantsi Afrika usivuyele isivumelwano sokunqumamisa umlo phakathi kweSirayeli nePalestina. Umfanekiso: Ahmad Hasaballah/Getty Images

Ukusukela ngenyanga yeDwarha ngo2023, abantu abaninzi baye babulawa kwimfazwe ebiphakathi kwelizwe lakwaSirayeli kwakunye neHamas eyayikhusela ilizwe lasePalestina.

URhulumente woMzantsi Afrika usivuyele isivumelwano sokunqumamisa umlo phakathi kwala mazwe mabini.

Eli loMzantsi Afrika lazigqatsa lifaka isimangalo ngakwilizwe lakwaSirayeli kwinkundla yezobulungisa yehlabathi eThe Hague. UMzantsi Afrika umemelela ukuba kumiselwe isicwangciso sexesha elide esiza kubangela ukuba kubekho uxolo phakathi kwePalestina kwakunye neSirayeli.

UMphathiswa weSebe lezangaphandle kweli, uRonald Lamola, uthi kubalulekile ukuba esi sivumelwano siqhutyelwe phambili. “Eli linyathelo elibalulekileyo kakhulu kwiinzame zokubuyisela uzinzo noxolo ePalestina, ngoko ke makukhawuleziswe ukwenziwa kweenzame zokubuyisela uxolo nozinzo kula ngingqi,” kutsho uLamola.

Ngenxa yale mfazwe, ziintatheli kwakunye nooGqirha abathe babhubha ngenxa yokuba besemsebenzini wokunceda amaxhoba ale mfazwe.

Ilizwe lakwaSirayeli lithintele ukungeniswa kwemithwalo yoncedo ePalestina ngelizama ukubamba ngobhongwana abantu baseGaza. “Ukukhululwa kweenqwelo ezithwele imithwalo yoncedo kufuneka igunyaziswe ukuba ingene ePalestina ukuze batye baphile abantu abangamaxhoba ale mfazwe,” kutsho Lamola.

UMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo uthumele igqiza loompondo zihlanjiwe kwezomthetho ukuya kuxelela inkundla yezobulungisa kwihlabathi malunga nendlela eli eliziva ngayo ngokuxhatshazwa kwabantu basePalestina. Elo gqiza lalikhokelwe nguLamola enguMphathiswa weSebe lezobulungisa ngelo xesha ekunye namagqwetha aquka uTembeka Ngcukaitobi.