UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?

UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa. Umfanekiso: GCIS

Ilizwe loMzantsi Afrika lelokuqala ukongamela iG20 kwilizwekazi laseAfrika, kwaye kubonakalisa indima edlalwa leli kwihlabathi kwezopolitiko. IG20 yindibanisela yombutho onamalungu angamazwe alishumi elinesithoba, aquka imbumba yamazwe aseYurophu kwakunye nembumba yamazwe aseAfrika.

IG20 yasungulwa ngeenjongo zokulungisa iingxaki zoqoqosho kwihlabathi, imeko ezinzileyo yezimali, imozulu eguqukayo nophuhliso oluzinzileyo. Amazwe angamalungu walo mbutho weG20 azama ukusombulula ezi ngxaki ngokubamba inkomfa rhoqo ngonyaka.

Amazwe angamashumi amabini ananye angamalungu alo mbutho ukususela ngo2023, kuquka iArgentina, Brazil, Australia, Canada, China, France, Germany, India, Italy, Japan kunye namanye amalungu.

Umbutho wezizwe ezimanyeneyo, ibhanki yehlabathi kwakunye nelizwe laseSpain aphakathi kweendwendwe ezithi zimenywe rhoqo kule ndibano. Kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini ezizayo, uMzantsi Afrika uza kukhokela lo mbutho kwaye ube negunya lokongamela iinkqubo zeG20.

Ethetha ngomsebenzi oza kwenziwa lilizwe lakhe, uMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uthi baza kugxila kwizinto ezininzi kodwa umcimbi wemozulu eguqukayo uza kuba phambili.

UMzantsi Afrika uza kubamba indibano yamazwe angamalungu weG20 kunyaka ozayo nanjengoko uhleli kwisikhundla sokongamela kunyaka ka2025.

Ukuqhutywa kwale ndibano kweli kunyaka ozayo kuza kuvula amathuba orhwebelwano amahle kweli kunye namazwe ehlabathi. Liza kuthenjwa okanye kuza kukhula ukuthenjwa koMzantsi Afrika kwimicimbi yoqoqosho ngabakhokele uqoqosho kwihlabathi.

Ukukhwela ecingweni koMzantsi Afrika kwimicimbi emininzi kwihlabathi kuyawunceda ukuba ubonwe ngeliso elihlambulukileyo ngamanye amazwe ehlabathi.

Abezoshishino kweli baza kuxakeka belungiselela ukuthengisa amashishini abo ngaphambi kokuza kwendibano yeG20. Abo bakushishino lezotyelelo nabo kulindeleke ukuba baxhamle ngokucacileyo kwesi sithuba sonyaka ozayo kuba uMzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo weG20.

Kwimingxilo eyahlukeneyo ushishino leli liza kukhula ngokucacileyo nanjengoko amazwe ehlabathi ezakuba ekhangela iindlela zokuzenzela ubuhlobo noMzantsi Afrika. Ukuthengiswa kweemveliso zeli kumazwe angamalungu weG20 kuza kwenzeka lula, kwaye kulindeleke ukuba kuvele amathuba amatsha.