UMzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo weG20 ngo2025

UMongameli uCyril Ramaphosa kunye noMongameli waseBrazil uLula de Silva. Umfanekiso: GCIS

UMongameli weli uCyril Ramaphosa uza kuthetha namalungu eG20 eBrazil nanjengoko iza kuvulwa ngokusesikweni le nkomfa eRio de Janeiro, eBrazil. Ngethuba efika kwela lizwe uRamaphosa wamkelwe ngokusesikweni nguMongameli waseBrazil uLula da Silva.

Ingxelo yeofisi kaRamaphosa ithi kulindeleke ukuba athethe banzi ngeenzame zakhe norhulumente wakhe ezijoliswe ukulwa indlala.

Amazwe angamalungu weG20 kulindeleke ukuba aphicothe iingxaki ezichaphazela la mazwe logama ekwakhangela amaqhinga amatsha okusonjulwa kweengxaki ezambethe ihlabathi.

URamaphosa useBrazil ephelekwa nguMphathiswa woBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, uRonald Lamola, kunye noMphathiswa kwiofisi yakhe, uKhumbudzo Ntshavheni, namanye amagosa aphezulu kurhulumente.

Ilizwe laseBrazil lingusihlalo weG20 kulo nyaka kwaye kulindeleke ukuba linikezele kwilizwe loMzantsi Afrika ukusukela ngoku kude kube yinkomfa elandelayo. Ingxaki yendlala kwihlabathi, umbane, uqoqosho kwakunye nemicimbi yophuhliso oluzinzileyo yimiba ephambili exoxwa kule nkomfa kulo nyaka.

Kunyaka ophelileyo, le nkomfa ibiqhutyelwe eNew Delhi – elikomkhulu lelizwe laseIndiya – yaza yanikelwa kwilizwe laseBrazil.

Umbutho wembumba yamazwe aseAfrika, iAfrican Union kwakunye nalowo omele amazwe aseYuropu, iEuropean Union, ngamalungu alo mbutho weG20. Ngamazwe angamashumi amabini angamalungu weG20, kodwa ukusungulwa kwayo yayinamalungu asixhenxe kuphela.

“Ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga kaDisemba, uMzantsi Afrika uza kuba usamkela ngokusemthethweni igunya lokuba ngusihlalo weG20, siza kwenza oku ngokusemthethweni,” kutsho uLamola.