UMzantsi Afrika uzama inzolo eMozambique

Abantu batshise izitalato ngexesha loqhanqalazo kwikomkhulu laseMozambique, iMaputo emva kokuba imibutho ephikisayo ikhabe iziphumo zolonyulo. Umfanekiso: AP PHOTO/CARLOS UQUEIO

UMzantsi Afrika usebenza nzima ukuncedisa urhulumente omtsha waseMozambique ukuzisa uzinzo kwela lizwe emva kokuba umbutho ophikisayo ungazamkeli iziphumo zolonyulo.

Emva konyulo obelushushu kwela lizwe phakathi kombutho kaDaniel Chapo weFRELIMO kwakunye nombutho kaVenancio Mondlane wePODEMOS. Inkundla yomgaqo siseko kwela lizwe yakhupha ingxelo yokuba umbutho weFRELIMO nguwo ophumeleleyo kolu lonyulo.

UMondlane umi kwelokuba umbutho weFRELIMO awuluphumelelanga olu lonyulo, koko basebenzise ubuqhinga obuthile.

Ngenxa yesikhalo sikaMondlane neqela lakhe, kuqhutywe uqhankqalazo kwela lizwe ukusukela oko kuthe kwaphuma iziphumo zonyulo. Olu qhankqalazo lubangele ukuvalwa kweendlela ezingena kwela lizwe laseMozambique, esi ikwasesinye sezizathu zokungenelela koMzantsi Afrika.

Othethe egameni lendibanisela yamaSebe karhulumente weli loMzantsi Afrika nabeke iliso kumda waseMozambique, uNjengele Tebello Mosikili, uthi: “Indibanisela yamaSebe karhulumente aquka ezobuntlola asebenza nzima ukuqinisekisa ukuba imeko iphantsi kweliso elibanzi,” kutsho uMosikili.

UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uthumele igqiza elikhokelwa nguSydney Mofumadhi ukuya kukhangela izisombululo eMozambique. Kuthiwa uninzi lwabemi baseMozambique bayalwamkela ungenelelo loMzantsi Afrika eMozambique.

“Iinzame zethu ziquka ezo zijoliswe ukuphelisa amangenela kolu qhankqalazo, izaphula mthetho ezibona ithuba kuyo yonke le ngxaki yezopolitiko, konke oko sikuqwalasele,” kutsho uMosikili.

Uqhankqalazo oluqhubeka eMozambique lubetha ngamandla ezoshishino eMzantsi Afrika nanjengoko iiloli ezihambisa imithwalo zibambeke kwimida ngenxa yokungakwazi ukungena kwela lizwe.

Ngenxa yolu qhankqalazo kuqhweshe amabanjwa angaphezu kwewaka ezintolongweni ezahlukeneyo eMozambique. UMondlane wombutho ophikisayo uthi uza kuqalisa phantsi uqhankqalazo ukusukela ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.