Umzobi waseMdantsane untingela eNetherlands

UVuyo Bene ngethuba etyelele amagumbi kwiSolezwe kwinyanga ephelileyo, enomzobo kaNSFAS entloko.umfanekiso: Siyanda Janties

Indoda yaseMonti edume ngokwenza imizobo okanye izimbo entloko ngeenwele zayo, intingela eNetherlands ukuyokuqaqambisa imisebenzi yayo.

UVuyo Bene (27) noyinzalelwane yaseMdantsane, ufulathela uMzantsi Afrika ekupheleni kwale nyanga yoMsintsi, apho azakube eyokubonisa ngempahla zakhe azenza ngeenwele ngamanye amaxesha athunge nempahla zamandulo.

UBene, uthi ngokwenza izimbo zalo nto kuthethwa ngayo kwilizwe jikelele luhlobo avakalisa ngalo ezakhe iimbono ngokwenzekayo.

I’solezwe limfote kwinyanga ephelileyo ngethuba kudume umcimbi kaNSFAS, apho umfundi weYunivesithi iWalter Sisulu eMonti ebethe wafumana imali ngempazamo engangezigidi ezilishumi elinesine zeerandi.

“Ndizama ukubonisa amandla ngeenwele zethu kuba ngaphambili kwakukhe kwavezwa into yokuba abantu abamnyama ingqondo yabo ingangeenwele zabo. Ngoku siyakhula neenwele zethu ziyakhula, kubonisa ukuba ziphangalele neengqondo zethu,” utshilo uBene.

UBene uyakwazi ukunxiba isihlangu asenze ngeenwele zakhe nangaphandle kokuzitshintsha-tshintsha entloko.

Ngokwengxelo yakhe uBene, uthi zange akuyele esikolweni ukuthunga nokuzoba, eyona wayeyiyele esikolweni yayizizifundo zoshishino. Ifuthe lokuthunga walifumana kusapho lwakhe kowabo njengoko yayingabathungi.

UBene uthi eNetherlands uzakube eyokuveza ubuhle bempahla zakwaNtu kwezinye iintlanga. Indawo asebenzela kuyo ifumaneka eSouthernwood.