Umzukulwana uvele enkundleni ngezityholo zokubulala umakhulu wakhe

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala uvelile kwinkundla kamantyi yaseGcuwa ngomhla weshumi elinesine (14) kweyeSilimela ngezityholo zokubulala umakhulu wakhe oneminyaka engamashumi asithoba (90) ngomhla wethoba kweyeSilimela ngo-2023 kwindawo yaseKobodi A/A Zisoyini ngaseGcuwa.

Kutyholwa ngelithi ngalo mhla ukhankanyiweyo ngentsimbi yesithandathu malanga, abahlali babone indlu isitsha badibana bezama ukunqanda umlilo. Umzimba otshileyo kaNongenile Sobetwa ufunyenwe kwisitulo esisemva kocango. Kwavulwa idokethi yophando.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi ngomhla weshumi kweyeSilimela ngo-2023, uluntu lwafumana umzukulwana walomakhulu owaswelekayo lwaza lwambetha kanobom. Batyhola ngelithi nguye owaba ngunobangela wokutsha kwendlu. Wayehlala nomakhulu wakhe. Wabanjwa ukuze abuzwe imibuzo.

NgoLwesibini, umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeSilimela, abecuphi beSAPS Kei Bridge bammangalela ngokubulala.

UThulani Sobetwa ugcinwe eluvalelweni kwaye uzokuvela kwakhona enkundleni kwiveki elandelayo ngomhla wamashumi anambini (22) kweyeSilimela ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uvakalise umothuko wakhe kuhlaselo olumanyumnyezi lwexhegwazana elingenakuzikhusela. “Imeko yokuphathwa gadalala kwabantu abadala yingxaki ekhulayo yoluntu, kwaye sonke kufuneka sidlale indima enkulu ekukhuseleni abantu abasesichengeni.

“Olo hlaselo lwenkohlakalo olulolo hlobo kubantu abalupheleyo alunakuyekelelwa kwaye uluntu kufuneka lubajonge abantu abadala kwaye luxele emapoliseni nakuphi na ukungahoywa okanye ukuphathwa kakubi kwabantu abadala. Siza kusebenzisana neNPA ukuqinisekisa utshutshiso oluyimpumelelo,” utshilo uMene.