‘Unamanyala uGenerations!’ – akuzobakho mpinda yale veki ngomso

USmanga esenza izimanga kuGenerations Umfanekiso: Twitter

Luyakhala uluntu ngeziqendu ezingesondo mvanje kumdlalo kamabonakude iGenerations: The Legacy, ezivele iintsuku zilandelelana.

Ababukeli bayakhala ngesondo oluvezwa mihla nezolo phakathi kukaSmanga Moroka (Moopi Mothibeli), uTshidi (Latoya Makhene) kunye noThabitha (Motsoaledi Setumo).

Kulo mdlalo bavezwa bencamisana, kwaye besebhedini okwabantu abaxakekileyo ngesondo. Ukusukela kwiveki ephelileyo zandile izikhalazo zabantu abathi lo mdlalo ‘uguquke wangumboniso wezesondo’ nabathi ‘unamanyala uGenerations!’. Abanye bathi uguquke wayi-The Bold and The Beautiful yaseMzantsi.

Ukanti okunye okukhalisa abantu kukuba lo mdlalo bawubukela nabantwana, nto leyo ibenza iintloni xa sele kuvezwa abantu ababhinqileyo benxibe iimpahla yangaphantsi etsala amehlo.

Abantu baphinde bathi ezi ziqendu zivela ngokugqithisileyo, kwaye akwehli kakuhle okwenziwa nguSmanga obonakala etshintsha-tshintsha amantombazana; nanjengoko lo mdlalo ubonisa elala nezithandwa zakhe zombini.

Na pha kumnatha wonxibelelwano, kooFacebook, abantu bebekhalaza besithi “makapheliswe uGenerations!”

Ukanti uGaaratwe Mokheti, othethela iGenerations, uthe rhoqo xa lo mdlalo uzakuqala kubakho isilumkiso seminyaka esibonisa ukuba kumele ubukelwe ngabantu abaminyaka mingaphi.

“Siyaxolisa kakhulu, sizibonile izikhalazo zababukeli balo mdlalo ngezi ziqendu. Zikhona nezinye ezizayo njengokuba ukubonakala kwazo kuwuqhubela phambili umdlalo ezintweni ezizayo,” utshilo uGaaratwe.  

Ukanti abakwaSABC bagqibe kwelokuba akuzokubakho mpinda kaGenerations wale veki ngalo Mgqibelo, emva kokufumana zonke ezizikhalazo. 

“Kwimpinda edlala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ukuyokutsho kwicala emva kwentsimbi yokuqala emini sizakudlala iziqendu zokuqala ngqa zikaGenerations – The Legacy, eziya zomhla wokuqala kweyoMnga ukuyokutsho kolwesihlanu usuku koka-2014.” kutsho uKaizer Kganyago, osisithethi sakwaSABC.