UNambitha uchub’ isikhwebu kwiZaziwa!

UNambitha Mpumlwana ekunye noPearl Modiadie Umfanekiso: Twitter

Kwinkqubo uZaziwa kule Cawa sijonge kuyo yomhla we-18 kweyeSilimela 2017, sizakube siva ibali elinikis’ umdla kuNambitha Mpumlwana.

UMpumlwana usixelela ngendlela awafulathela ngayo uMzantsi Afrika esingise kwilizwe laseLesotho, waze waphelela kwelaseCanada.
Lo mdlali wemiboniso efana neAshes to Ashes, Generations, Tsotsi – ubalisela uPearl Modiadie ngendima unyana wakhe, uVangile, ayidlale kwindima yakhe.
UMpumlwana ukwachuba nebali lokukhula kwakhe, nalapho wayecinga ukuba umakhulu wakhe ngumama wakhe, umama wakhe aze abe ngudade wabo.
Ukwabalisa nangokuqala kwekhondo lakhe nendawo elikuyo kwesi sithuba.
UZaziwa udlala kwiSABC 1 ngeeCawa ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.