UNathi Mankayi kaNomvula kwikonsathi yasimahla

Uluntu oluphantsi kweedolophu ezifana neMaclear, Mount Fletcher neUgie kumasipala i-Elundini ngomso luzakube lusonwatyiswa yintandane eyinzalelwane yalapha uNathi Mankayi kwikonsathi yasimahla ebizwa ukuba yiNomvula Buyelekhaya.

UMankayi uzakube etshintshiselana ngeqonga noVusi Nova kwakunye nemvumi uAmanda.

Le konsathi izakubanjewla kwibala lebhola yombhoxo eMaclear High ukusukela ngentsimbi yeshumi kusasa ukuya kweyesibhozo ngorhatya ngoMgqibelo. Abanye abalindelekileyo kule konsathi ziimvumi zeHip Hop zasekuhlaleni, kwakunye nabacula umculo wegospile.

UMankayi yinzalelwane yaseMaclear kwaye umasipala wasekuhlaleni wale ndawo uyazingca ngaye. Le mvumi ingumzekelo kwabaninzi okokuba umntu uyatshintsha akuphuma ejele, nanjengoko sele esuka kubanjelwa ityala lokuphanga.

USodolophu walo masipala wase-Elundini uNonkongozelo Ruth Lengs kwintetha yakhe yobume bukamasipala kutsha nje wadiza ukuba impumelelo kaMankayi yinto apho abakuhlala benebhongo kwaye bezidla ngayo.

“UNathi uyintyantyambo etyalwe apha yaze yakhulela apha. Uyimbewu yalapha Elundini enesiphiwo sokucula. Ukanti ikhona nenye imvumi ezayo ezakugqama nayo uAmanda ephuma kwalapha ozakuphinda aphakamise umasipala wethu abesemafini kwakhona.

“Okona sikunqwenelayo kukuba luphuhle kangangoko ulutsha lale ndawo, kungoko saveza neli phulo lokukhangela italente kulo masipala, kuba uNathi yimveliso yephulo lethu i-Dare to Dream Talent Search,” kwatsho uLengs.