Unceda amanxila angatshisi imizi oshishina ngenyama

UBulelani Mqadaru (othwele ikepusi emhlophe) ekunye nabathengi kwishishini lakhe lenyama. Umfanekiso: Buziwe Nocuze
UKUTSHA kwemikhukhu okubangwa ngabantu abazama ukupheka inyama ngobusuku emva kokubuya kwiindawo zentselo kwindawo yaseSantini eGonubie eMonti kuvule ithuba lokuqala ishishini lenyama kuBulelani Mqadaru ongumhlali wale ndawo.


UMqadaru oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ubudala uthengisa inyama yehagu, inkomo kunye neyegusha kule ndawo. Uthi uqale kunyaka ophelileyo ukuthengisa inyama ayipheka kwesinye sezitalato zale ndawo nesikufutshane nendlela ephithizela kakhulu.

Uthi lizinga eliphezulu labantu abatshelwe ngamatyotyombe emva kokupheka bebuya kwiindawo zolonwabo okumenze wacinga ukuqala eli shishini.
Uqhube wathi, “Iyaphela imikhukhu nabantu kuba babuya bafune inyama xa besuka kwezindawo zolonwabo kwaye bapheka bengekho kwimo yokuba bapheke ngenxa yezinto abasuke bezifumene kwezondawo bonwaba kuzo.”
UMqadaru ukwathe akathengisi nje inyama ephekiweyo ikhona neyojiweyo. “Bayathenga kakhulu abahlali kunjalonje sele ndincede nabo bonqena ukupheka,” utsho.

UNwabisa Goba ongomnye wabahlali abathenga inyama kuMqadaru uthi, akancedi nje kuphela abo basuka kwiindawo zolonwabo kodwa bonke abahlali bala ndawo. Uqhube wathi, “Wanceda nathi, thina sonqena ukupheka uBulelani kuba sithenga kuye silale sityile.” Ukwathe inyama ethengisa kule ndawo iyafikeleleka, wakhuthaza uMqadaru ngelithi kufuneka abapheke nolusu kuba liyathandwa luluntu, ingxaki kukulupheka.