Uncedo eNcihana

ILALI yaseNcihana, eXhorha, nangona nje ikufutshane nedolophu kodwa bona ubunzima kwanokutsala mva kusekhona, ngokokutsho kwenqununu yesikolo iNcihana J.S.S. uMandlenkosi Msipa.

iNcihana Community Development ithengele abafundi abangama51 abangathathi ntweni iimpahla zesikolo.Umfanekiso BHEKI RADEBE
iNcihana Community Development ithengele abafundi abangama51 abangathathi ntweni iimpahla zesikolo.Umfanekiso BHEKI RADEBE

ENcihana uninzi lwamakhaya awathathi ntweni kwaye axhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente. Oku le nqununu ikudize ngethuba umbutho ongenanto yakwenza norhulumenete, iNcihana Community Development ithengele abafundi abangama51 abangathathi ntweni iimpahla zesikolo. UMsipa uthi le nto yenziwe ngulo mbutho ibenza bakhumbule ukuba bangoobani kwaye bangalibali apho bavela khona kuba bonke aba bakulo mbutho babefudula befunda kwesi sikolo njengokuba bezezi zinto zinkulu bazizo namhlanje.

“Ngethamsanqa, la malungu ayikukuba ayefunda kwesi sikolo kuphela, bakwazalelwa apha eNcihana kwaye bayazi ngqo intsokolo yale ndawo. Uninzi luyahlupheka, akukho lula ukwenza izinto nangona nje bekufutshane nedolophu. Abazali abaninzi abafundisa abantwana babo kwesi sikolo baxhomekeke kwipeyi. Kunzima ke kuba nesebe lasibeka phantsi kwezikolo ezithatha entweni kodwa kungenjalo, kuba nje sikufutshane nedolophu,” utshilo uMsipa.

Ukwadize ukuba oku kuyabonwabisa kuba abantwana baza kuwubona umohluko kwaye inamhlanje kubo alisoze lifane nezolo. Ukwathi baza kuzibona bengabantu abangcono nabo. Uthi nangona nje isikolo esi sitsala nzima, bona abantwana uninzi lwabo bakrelekrele kakhulu kwaye beyifuna inkxaso.

OnguMququzeleli kwiNcihana Community Development, uSibongiseni Thandubuntu Delihlazo, uthi babecinga ukuba ukubakufutshane kwabo nedolophu bakuba namathuba ezinto ezintle, kodwa akunjalo.

“Oyena ndoqo wasihlanganisayo ekubeni sisungule eli qumrhu kukubona imeko kulutsha. Sabona sijongile nje izisombululo kwimingeni ejongene nale ndawo iza kuza kwanathi, ngapha koko kuza konakala. Sabona ukuba masihlangabezane nayo ukuphungula umthwalo lo siwubona ukuba uyonyukela. Sifuna eli qumrhu lingapheleli ekunikeleni kuphela, sifuna inkqubo enokuthi idale namathuba engqesho, bakwazi ukubanento abayaziyo, bakwazi ukuba baphucule iimpilo zabo kwanamakhaya abo,” uvale ngelo uDelihlazo.

Abafundi abancokolele I’solezwe, abaxhamlileyo kwiyunifom, ababini abangamakhwenkwe nabenza uGrade5, bathe: “Siyavuya kuba sixhomekeka kumakhulu akurhola ipeyi ukuze sithengelwe izinto zesikolo. Sihlala naye kwaye sikwatya kwakule mali, abhatale nezakhe iingxaki.”

USodolophu wala mmandla kuMasipala uMbhashe, uSamkelo Janda, nobe yinxalenye nolu nikezelo, uqhwabele izandla olu lutsha luphuhlisa olunye ulutsha lwendawo yalo.

“Ndiyayazi intsokolo, andithethi ngandiva, mna ndade ndaphumelela uGrade 12 ndingenaso isihlangu, ndihamba ngenyawo. Xa kufuneka ndiye ekhakheni lomculo, umama wam wayendibolekela kumzala wam. Lo nto zange indivale ukuba ndingayi esikolweni, ndingulo sodolophu nje andisukanga ndalapha, nam ndiqale kule ndawo nikuyo,” utshilo uJanda.

UJanda ukwazibophelele ekubeni uza kusincedisa ngethala leencwadi esi sikolo ukuze imfundo ibheke phambili, kukhuthazeke nabantwana.