Uncedo koonomathotholo basekuhlaleni

Umphathiswa wezonxibelelwano kuzwelonke uFaith Muthambi udize ukuba bazakunika inkxaso kuzo zonke izikhululo zikanomthotholo zasekuhlani zeli loMzantsi Afrika.

UMuthambi uthi, ezi zikhululo zizona zinceda abantu basekuhlaleni ngeendaba zeendawo zabo. Eli sebe kungoku nje lithi lizakukhupha isixa semali ukuphucula imeko yezi zikhululo.

Uthi le mali izakukhutshwa izakunceda kakhulu kwezi zikhululo nangezixhobo zokusebenza.

UMuthambi ebethetha kwisikhuluko sasekuhlaleni iRadio Zibonele eseKhayelitsha eKapa ngethuba ibibhiyozela ukugqiba amashumi amabini ananye yasekwayo.