Uncedo kubantu abalala ezitalatweni

Abantu abalala kwizitalato zedolophu yaseMonti abangapha kwamashumi amathandathu nabaziwa ngokuba ngoobherhi bangungelene eSouthernwood Park eMonti ngoMgqibelo besonwatyiswa ngethuba kubhiyozelwa usuku lokuzalwa kukaNelson Mandela.

Ababahlali bebedityaniswe ngumbutho ojongene nokucebisa uluntu ngezezimali nowaziwa ngokuba yi-Isibane Life.

Lo mbutho ukhuphe kuwo epokothweni ngenzame zokwenza umahluko koluluntu lungena makhaya. Aba bantu bathe batendwa ngeziqhamo kwakunye nemifuno.

Ilungu le-Isibane Life uSikho Msutwana uthi, bebengalilindelanga inani elingakaya labantu. Uthi bayavuya kuba bakwazile ukonela kwaye enye yezinto ebonelisayo kungokuba kufumene wonke umntu.

Abafundi abenza izifundo zonxibelelwano kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu, nabenza uqeqesho lwabo lokufundiswa umsebenzi kwi-Isibane Life, ngabo nebabeyinxalenye ekuququzelelni eliphulo lokwenza umahluko kwababantu nabo bavakalise ukuchulumankca kukwenza oku.

Omnye wabafundi abakoluqeqesho uSivuyile Bekentla uthi, babenochulumanco ngokuba yinxalenye yoku nanjengoko bewazi umsebeniz kaNelson Mandela, wokuba lowo uthatha entweni makakwazi ukunceda abanye abantu.

Uthi bakwinzame zokubonakalisa ukuba nalo ulutsha lunako ukwenza umahluko nanjengoko lusoloko lujongelwa njengoo ngantweni bazama ukuphakamisa igama lolutsha.