Ibandla lamaWisile phantsi kwesithili iClarkbury lishiye ithemba, uncumo, nolonwabo kwikhaya labantwana abangenabani iMzomtsha eNgqeleni.
Eli bandla lityelele kweli ziko ngenjikalanga yangeCawe nekulapho linikezele ngezinto zokutya ngeenjongo zokugweba indlala ebomvu.
Nangona lixhaswa lisebe lophuhliso lwentlalo kodwa, iingxelo zithi, le mali ayifiki ngexesha nto leyo idala abantwana badliwe yindlala.
Bebonke abantwana abagcinwe kweli ziko iMzomtsha bangamashumi amahlanu anesibhozo (58) bephakathi kwemnyaka emithandathu ukuya kwishumi nesibhozo (6-18).
Umongameli wamanina kweli bandla lamaWisile uNobuntu Sibhidla uthi, bathathe isigqibo sokunceda eli ziko emveni kokuba umfundisi webandla umfundisi Thembinkosi Valdani wathi isithili ngasinye masolule isandla sincede nangayiphi indlela kungelo thuba iNgqeleni ichonge eli ziko elasungulwa ngo1987.
“Sizolithathela kuthi eli ziko siqinisekise ukuba ngekota zikhona izinto ezizoziswa kweli ziko ukuphucula imeko, ukususela ngenyanga yeSilimela sizoqoshelisa amalungiseleo ethu okurhwebesha eli ziko. Sizozisa izinto ezifana neengubo, kwaye lo nto izoqhuba unyaka nonyaka noba sele siphumile esi sigqeba sikhokhelayo samanina,” kutsho uSibhidla.
Abantwana abagcinwa kula maziko bafunda kwizikolo ezifana ne-St Patricks eGxulu, Attwell Madala, Ngqeleni village nezinye ngeliqinisekisa ukuba bayaxhamla kwimfundo engcono.
Umanejala weli ziko uNoncedo Mncela uthi, eli ziko alinoqhubela phambili ngaphandle kweenkxaso ezifana nale iziswe libandla lamaWisile.
“Izinto esizifumeneyo zizokwenza umahluko omkhulu kuba nangona sixhaswa lisebe kodwa imali ayonelanga. Umthamo wethu mkhulu kuba sigcina abantwana abasuka kwingingqi ye-O. R. Tambo iyonke. Abantwana abalapha ngabaphethwe kakubi emakhaya, abangenabani nabanye,” utsho uMncela.
UThandeka Qika (14) ogcinwe kweli ziko nongumfundi wenqanaba lesithoba uthe: “Siyabulela koomama baseWisile abasiphe izinto ezimnandi ebesizidinga, singavuya xa nabanye abantu benosipha ukuze singajongeleki phantsi kuba sihlala apha.”
isibhalo@inl.co.za
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro