Uncedo kumama owahlaba izidlwengu

Igqwetha elinceda usapho laseZwartwater kuKomani uBuhle Tonise.Umfanekiso: Abongile Ginya

Nanjengoko kuqala inyanga yamanina, umbutho ojongene nokuphuhlisa amanina iShevolution Africa sele kukancinci ekubeni ufezekise iminqweno yawo ekuncedeni inkosikazi yaseLady Frere eyasindisa ubomi bentombi yayo ngethuba yayidlwengulwa ngamadoda amathathu ngobusuku obuthile, kwindlu emnyama engasahlali bantu kwindawo yaseZwartwater kuKomani.

Inkosikazi (56) yafika amadoda amathathu ethe gabhu phezu kwentombi yayo etshintshiselana ngayo. Le nkosikazi yatsiba yaleqa emva kokuxelelwa yitshomi yentombi yayo ukuba intombi yakhe ipakanyelwe ngamadoda amathathu.

Oku kwenzeka ngomhla wesibini kwinyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo.

Le nkosikazi engachazwanga ngagama ngelikhusela ixhoba, yaphela sele ibizwa ngegama lokuba yi “Lion Mama”, yaye yabanjwa kwaye yavela kwinkundla yamatyala, nalapho ityala layo laye lachithwa yinkundla.

Emva kokuchithwa kwetyala igqwetha elalimele inkosikazi le, uBuhle Tonise, nokwangumsunguli weShevolution Africa wabona kufanelekile ukuba olu sapho maluncedwe ngandlela zonke nanjengoko ilusapho olungathathi ntweni.

UTonise uthi balakhela indlu usapho olu kodwa ngenxa yamagingxigingxi athile zange ide igqibeke. Kungoko begqibe ekubeni ngomhla weshumi elinanye kule nyanga eGolf Club eMonti, babambe inkqubo eza kuthi inyuse imali eza kunceda igqibezele indlu le yosapho.

Abalindelekileyo kule nkqubo yokonyuswa kwengxowa elungiselela usapho, nguMphathiswa wezeMali ephondweni uOscar Mabuyane, uSekela Mphathiswa uStella Ndabeni Abrahams, uSasha Muller kwakunye nowayesakuba nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uMduduzi Manana.

Ukanti ne “Lion Mama” ngokwayo iza kube ikhona ngolu suku. Onomdla wokuxhasa le nkosikazi kulo nto anayo angatyelela kuFacebook weShevolution Africa afumane iinkcukacha ezithe vetshe.